Chapter 9

1 Like = ❤️
0

Enye yezinto ebezindi affect...er ebomini bam,kungabina family relationship,ngobi'family relationship ngumama wazo zonki relationships ngesixhosa ngundoqo,kuyafuneka ubenobudlwelwane nomamakho kunye notatakho,khona ukuze nxa ungena kwezinye relationship's ungene sewuqeqeshekile ungahlukumezekanga,Iyonke lonto ithi bendililolo(lonely.)Ujikelwa ngumntu ubumthembile uziva ingathi nguwe omenze wakuqhela kakubi kuba usuke wazinikela kuye wazidelisa ngaye,waze yena akayazi nale ndawo imfaneleyo kuwe,waphethe sele esonela nguwe,Umbone sesakha relationship nabanye abantu kuba udikiwe kukwazi yonke into ngawe,Inhliziyo iyakhawuleza ukubabuhlungu ngoba isoloko ifuna uthando.Mna bendizixelele ukuba kwesi isihlandlo"NDIYEKILE UCINGA NGENTLIZIYO,NDICINGA NGENGQONDO NGOKU."Ngoba inhliziyo i-weak-weak! indilahlekisile.Imoto ebendiyiqhuba ibiqhumis'uthuli,kukhale iPhone yam ikwi bag enezinto zomntana,ndafixiza ndisosula inyembezi ndizama ukuyikhupha le Phone.Ndayikhupha ndabe sendiyibeka endlebeni ibingu Makhul'kaMzo(Madlamini.).
Busi:"Mma-Makhulu?"
Ilizwi lam belingcangcazela.
Madlamini:"Makoti subaleka kaloku sanalam,uMzomhle ndimxelele makayeke lento ayenzayo,Nxa enengxaki thethanani ngoba uyasihlaza kaloku ngoku."
Ndivele ndajonga emva,bebeseyekile nyani undileqa,phofu ndibona ngoku bendiyisusa lemoto ebekhwazwa uNtsika yiBoss yakhe uMzomhle caba uMakhul'kaMzo ibilela xesha asando thetha noMzomhle,Amehlo wam abuyele endleleni ngoba bendiqhuba.
Busi:"Andisamfuni Makhulu,ndiyamzonda."
Madlamini:"Oh mntanam suthetha kanjalo jonga..."
Ndivele ndabeka lo Phone ecaleni,andiyinaka/hoya,umntanam ebelele ngoku emva cwam,Ndifike kwa Kholiwe ndaphuma emotweni ndathatha umntana ndabe ndifowunela uKholiwe ukuba makavule ndilapha,khange kubekudala lavuleka icango,uKholiwe ebehlala nobhuti wakhe bobabini,ebendishiya ngonyaka omnye ebengumhlobo kum kwaye ekwazi uthetha nam.
Kholiwe:"Busi! umntana ebusuku! wow abudumbe! ubukhala?"
Ebekholela kulento yoba akuhanjwa nomntana ebusuku,ebethetha emile endijamele ndiye ndama ndamjonga ndibeke umntanam esifubeni sam.
Busi:"Kholiwe ndohlukene noMzomhle."
Ndiye esofeni ndachopha.
Kholiwe:"Sudlala kakubi chommie."
Wavala umnyango uKholiwe,wabuya wachopha sajongana.
Busi:"Kubuhlungu Kholiwe andazi ukuba mandithini."
Besezisihla inyembezi,bekundikhathaza ubona uKholiwe endibona njengo sizi,uMzomhle ebesithobile nyan isidima sam.
Kholiwe:"Busi ndiyacela chommie suyenza lento uyenzayo,sufuna undiphambanisa! what happaned?"
Busi:"Sixabanile naye,kwaye seyajola ngoku."
Ndilibeke ngobunjalo balo ibali kuKholiwe,ebekhuza uvele wasondela kum wandanga ngoba bendilila,ndiye ndamva ukuba naye uyalila uKholiwe.
Kholiwe:"He's a dog,ushota ngomsila azokhonkotha,zange ndayicingela into enjena I mean he was like'Sofa silahlane.'emtshatweni."
Ubuye umva uKholiwe wandijonga endosula inyembezi ngobhontsi,ndimjongile ndifixiza ndizimunca umlomo.
Busi:"All of the sudden,my husband broke my heart,what would you do Kholiwe if this would happen to you."
Ndinyikine intloko ndijonga phantsi"He has broke my heart,uyophulile intliziyo yam."Nditsho lomazwi ndikhala kwakhona ebewutyumzile umphefumlo wam lobhuti,bendingaziboni ndimxolela ebengu sathana uqobo kum ebelutshaba,yonke maan! lento ikhathazayo ebomini ebeyiyo kum uMzomhle bendimzonda.
Kholiwe:"Busi into enzoyitsho kukuba feel at home apha ungalala chommie uhlala mntase umke nxa sele ugqibile ulungisa izinto ngobomi bakho,lala chommam udinga ukuphumla sothetha kakuhle ekuseni cause kusezinzulwini zobusuku ngoku you need a rest."
Bendine xhala ngobhuti wakhe uLubabalo,ukuba uzothi ndiyawudelela umzi wakowabo.
Busi:"Andizukwazi Kholiwe ndzolala ubusuku banamhlanje kuphela,ngomso ndzoyo funa umsebenzi noba kuse restuarant ndizozizamela indawo emveni kwalonto,andifuni ubasisicefe ebantwini sendixhomekeke ngokwaneleyo,kufikelele ixesha lokuba ndizimele ngoku Kholiwe."
Kholiwe:"Hay..."
Busi:"Mhm mhm! chommie ndiyayazi lento ndiyenzayo izondisaphi."
Khange kubekho ngxaki,uKholiwe undibonise igumbi lolala,ndangena kulo ndalala kulobhedi nomntanam,ndavuka ekuseni ndanxiba gown ebendiyinikwe ngu Kholiwe ndaya kitchen bendiyothatha tea-spoon bendizotyisa umntanam purity ndifike kukho uLubabalo ongu bhuti kaKholiwe eziculela esenza amaqanda ejaivisa isinqa,wothuka wandijonga.
Lubabalo:"Hayibo! Eish marn Busi undothuselani lawei."
Busi:"Molo."
Lubabalo:"Yeah marn ufike nini apha?"
Ebebuza esenza iqanda lakhe kwakhona.
Busi:"Izolo late."
Lubabalo:"Oh uyaphila phofu?"
Busi:"Ewe,wena."
Lubabalo:"Yeah qha zinto zobushumane..."
Busi:"Iphi tea-spoon?mntanam ulambile pha"
Undikhuphele kwi drowa's ndabuyela ekamereni,ndafika evukile ndamtyisa.Liihambile ixesha ndahamba ndashiya umntanam kuKholiwe bendiyofuna umsebenzi,ebengena ngxaki uKholiwe ngalonto,Bendihlambile ndimhle,ndixwaye bag khange ndihambe ngale yam imoto,ndikhwele taxi ndafika phakathi eTown ndakhangela ndawufumana kwenye Restuarant ndabe sendisetyenziswa ngoba bebembalwa abasebenzi,ndiye ndasebenza ke bekungekhonto ingako ibikukwenza tea nezi scorn's bendikwazi uzenza ezozinto bendiyiswe lithemba nangoko kuba ndizazi ukuba ndzokwazi uwunza lomsebenzi bendikhumbula umntanam andiqhelanga uhlala ixesha elide ngaphandle kwakhe,ndiye ndafowunela uKholiwe bendifuna ukwazi umntanam uhleli njani bendifuna nomazisa ukuba ndihambe kakuhle,wayibamba bendiphakathi emsebenzini mna.
Kholiwe:"Hellow."
Busi:"Hey ndihambe kakuhle,kwaye le shop iyabadinga abantu abane experience marn!"
Kholiwe:"Ncoooh uThixo unecebo chommie udiliza apha alungise pha nyamezela,Oh indlu ikhona apha kwamakhelwana flat encinci,sendimxelele mama wakhona ukuba I'm uzowufumana umsebenzi ebesefuna ukufake kwenye asebenza kuyo yena uthi nabo bayabadinga abantu."
Ndincumele ecaleni wabe uMannager walapha kule restuarant sendikhwaza,ndakhawuleza ndathetha.
Busi:"Unjani umntanam?"
Kholiwe:"Yuh!!! akasadlali...wonwabile chommie."
Busi:"Khamnike Phone."
Ndimve esithi uKholiwe"Yuh awusanga nanku mamakho thetha...haha!"
Kholiwe:"Uwhoa umntanakho usuke wayijamela qha le phone."
Busi:"Worse ndifuna uthetha naye kanjani,khawuyeke nalo mannager sendikhwaza,byeee"
Ndifake phone efaskotini ebendiyinxibile yala restuarant,ndaya ku mannager,khange athethe nto ingako,Liihambile ixesha ndaphuma emsebenzini ndafaka amazaza ndabe ndiphuma emnyango ndanyuka ngeendlela ndikhawuleza ibingase ndingabonwa ngumntu ondaziyo,ndive imoto ipipiza emvakwam ndanyeka kancinci ibiyi Jeep ibikhwelwe nguMzomhle,ndikhawuleze ndamisa taxi yamisa ndangena ndabe sendijonga uMzomhle edlula ngale moto yakhe ngakule taxi ndakhulula shade's sajongana wabe sedlula,yahamba le taxi,lonto besendivele ndibenovalo nxandimbona.Liihambile ixesha ndafika kulo Kholiwe ndabe sendiyobona le flat ndiphethe umntanam,Ibishota ngezinto zopheka neengubo,bhedi ibikhona,uKholiwe undiboleke ingubo ndabe sendiyozihlalela khona bendiyophumla,Kule flat ndifike ndangqengqa ebhedini lunch box ebendiyinikwa nguKholiwe ibiphezu kwe drowa ze heard board,umntanam ebehluthi ebemtyisile uKholiwe.Bendimfundela amabali encwadini,ude wayolala,ndilayite canddle(Khandlela,Ndiye ndavuka ndayozibuka esipilini ndinxibe vest e-grey endipitsayo nalapha emabeleni emazantsi ibiyi pyjama ebu tracksuit ibinkulwana kakuhle,Bendizosula amashiya ndabe ndigqibo thambisa ubuso,ndive kuveleka icango kancinci kwangena umoya ikhandlela belizama ucima ndikhawuleze ndayovala umnyango,nxa ndizolivala ndothuswa ngumntu onxibe ihuthi eyithwele,uvele akandivumela ukuba ndilivale icango wabe sebonakala ebusweni ibingutata kaKamva ndithe nxandilivala ngomsindo kuba bendimoyika walitshiliza lavuleka,weza kum sendibamba ngesixhanti endikrwitsha ndabe ndibambe lengalo inesisandla sindikrwitshayo,ndingakwazi nothetha ndiqhwanya'qhwanyaza,uMzomhle ebenyanye ebusweni.
Mzomhle:"Ndifuna umntanam wena your dammit!"
Unditshilize ndayowa ngoku atshoyo.
Ndiye ndanyikina intloko bendingasoze ndivume ngowam umntana endammitha 9 Month's yonke ndamkhupha ndedwa elabour ward inhlungu zisiviwa ndim ndedwa,uye wajonga ebhedini wambona wayomthatha ndajonga into endizambetha ngayo apha endlini,ndabona crate le coke linama bhodlela ndakhupha elinye ndamphakraza ngalo,ndinomsindo.
.
I need your support baahlobo! andiniva tuu ndicela niyeke bazi silent reader's,don't die before your death.
#NotEdited

Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !