Chapter 7

1 Like = ❤️
0

 


Bekungekho mnandi kum,ukubona abantu bezenzela ngobomi bam ngenxa yoba ndingenabazali.uNtsika bendimzonda bendingaziboni ndimxolela,ebendihlukumeze ngokwaneleyo.uBhuti Mzomhle nguye ondenze ndacinga kakuhle ngalento,Bendincamathele kuye ngoku ndikhala,besendibabalisele konke andenze kona lobhuti ungu Ntsika,ebephoxakele ngoba ndiyazi ebengayilindelanga ukuba ndzoyithetha kuba bendiqala ndangumntu ofuna uhlala pha njengoba bendisithi besendizinikezele kuba ebesendiphuce into ebezingca ngayo uMakhulu wam ngayo-My virginity.Besenditshilo kubo ukuba it's impossible into yokuba ndimithe ngoba bendisiya eXesheni,into ibindenza ndide ndifikelele nalapho bendibona ubhuti Mzomhle ebuza"Singathini ithi kanti esisibhanxa sindimithisile."ibimenza ixhala lonto.Liihambile ixesha saahamba noBhuti Mzomhle kulamzi,saadlula kwa Dadobawo apho waafika ubhuti Mzomhle wathatha Birth certificate yam ne Report yesikolo.Wahamba nam uDadobawo engathandanga,ngaphandle kwemvume yakhe kodwa ke kwakuxhomekeke kum ndaye ndamxelele ukuba ndifuna uhamba noBhuti Mzomhle mna.ubhuti Mzomhle undise eBhayi eMzini wakhe omkhulu,ebehlala yedwa.Abantu bakulo Tatakhe bebesezi lalini eXhorha.Besendisaziwa kowabo,waye wandazisa ebantwini bakowabo.Bendimhle ngoku ndihlala naye lobhuti ebendiwoyile,bekukho umntu ebengu Caretaker walapha eyardini nomama obehlala emini apheke ahlambe nempamhla ebengumcedisi walapha endlini ebusuku ahamba,Bendikhuselekile apha ngoba ubhuti Mzomhle ebengu Captain wamapolisa ibindenza ndizive ndikhuselekile lonto.Undikhulisile lobhuti ndade ndana 18 years ndimdala ngoku bendisenza unyaka wam wokuqala eUniversity bendisenzi Law bendihlala naye,nangoku ebendisa ngokwakhe esikolweni yonke imihla,ebendikhuphile ngale mini indim naye besise Spur ebenxibe kakuhle emhle besichophile sisitya kwa Spur.

Busi:"Hayi bhuti'Mzo noba ukhona lomntu umfumeneyo namhlanje sozuve."

Bendincumile bekukuhle umbona egcwele uvuyo,uvele wancuma wasondela kum wandijonga phakathi kwamehlo.

Mzomhle:"Kuhle ukubona ukhulile wonwabile mntanam,ndandingatsho ukuba lungaze lufike olusuku ungekaphaphi  worse ufunde University ngoku bendicinga uzophalala."

Busi:"You said books before boys njena bhuti,kwaye ndifikele kuwe apha andikwazi uphuma ecaleni ndikusokolise kodwa awungomzali wam,bekufanele ndiziphathe kakuhle."

Ulungise umqala wakhe ejonge ecaleni wabuya wandijonga.

Mzomhle:"Kukho into endifuna undenzele yona,kodwa andiqondi ukuba uzovuma."

Ibindikhathaza into yokuba andonqene ubhuti'Mzo kwaye akhonto ndingasoze ndingamenzele yona mna ekubeni kuninzi kangaka andenzele kona.

Busi:"Bhuti'Mzo ndingakwenzela nantoni na,undikhuphe eludakeni andikwazi ukulahla sewundiphucule kangaka."

Uvele waguqa ecaleni kwam ubhuti'Mzo ephethe Box eyivulile kubonakala Ring ene diamond's enhle,Ndivele ndakhamisa ndizivale umlomo,zange ndacinga ukuba ingangu bhuti'Mzo lona ungandicela umtshato,bendimthanda.Ewe ebengekho umntu endimthanda njengaye kwaye bendingaziboni ndithanda omnye umntu ngaphandle kwakhe,bendisonela kuhlala naye qha sincokele,ibinguye umntu obekwazi uzisa uncumo ebusweni bam ebendonwabisa.

Mzomhle:"Nguwe wedwa umntu okwaziyo uxolisa inhliziyo yam,usoloko uphakathi kwengcinga zam,ndithi ndawukujonga ndibone umntu endingahlala naye ubomi bam bonke basemhlabeni ndibene sapho naye,usisithandwa senhliziyo yam uliphupho kum,ndiyaziva,andinokwazi ukuphila kwaphandle kwakho,I may say;You my oxygen ungumphefumlo wam andiziboni ndiqhubeka nobomi ngaphandle kwakho umhle uyandanelisa,ndithi ndakuwucinga ukuba ndingashiya nguye,ndivele ndibeno valo,uthando endinalo ngawe luyingozi luyandoyikisa andazi ukuba ndingathini ngaphandle kwakho,Busi would you make me the happiest man ever in the world,would you marry me?  ungathathi ixesha lakho mntanam."

Wonke umntu ebegcwele uvuyo kula Spur bemangekile,ndaye ndavuma,Wavuya uBhuti Mzomhle wandifaka emveni koko wayondikhwelisa emotweni,iihambile iiminyaka emibini benditshatile naye lobhuti besesinomntana oneminyaka emibini oyinkwenkwe igama lakhe ngu Kamvalihle owayelinikwe ngutatakhe,Izinto azindihambelanga kakuhle emveni kwalo Mtshato weminyaka emibini,besendiyeke noyeka esikolweni ndihleli ebegeza lobhuti lonto indenza ndingabinabhongo lamtshato nabo bonke ubumnandi esidlule kubo.

Bekusezinzulwini zobusuku ungene ecofa iPhone,oko bendimlindile ndihleli noKamva esofeni ebengade abuye,kwaye bendiwuva umtshato wam naye uyaphalala ngoku,ebendicaphukisa uMzomhle ebendenza ndizive ndiligeza ngoba bekubonakala ukuba uyajola kwaye lomntu ajole naye bekubonakala uyandodlula ngalento andodlula ngayo,lonto ibindenza ndizibuze ingaba yintoni lingaka ayinikwa yilentombi ajole nayo mna ndingamniki yona,kwaye bekubonakala ukuba akandikhathalelanga kwaphela mna,ngoba ndathi kuye ndiyasiyeka usikolo ngoba lomthwalo andinika wona undenza ndingakwazu focus ezifundweni zam,zange abena stress wasuke wathi"Naleyo ixhomekeke kuwe,undixelela ukuba zendithini mna huh? siyeke isikolo ukuba awusifuni uyeke ube usolana nam,ndakubona kwakuqala njebe uleli qaba ulilo soze umelane nemfundo."Loomagama andihlaba enhliziyweni,bendingayikholelwa lento yenziwa ngu Mzomhle kum,ndandisithi ububomi kum.Ebencumele iPhone lonto ibindenza umsindo,ndisuse uKamva phezu kwam ndambeka phantsi ndasondela kutatakhe ndinxibe nighty kwabe kunetha phandle kududuma.Ndibethe lo Phone yawela kude ndimjamele,uvele wasondela kum efinge intshiya ecaphuka,ndibuye umva kancinci ndilila ndizisola ukuba ndandivume lani ukumtshata,kwakutheni!,phofu ndandingazi ukuba singazi sifikelele kule meko/ngxaki.

Busi:"Tataka'Kamva sitshatile awukwazi ukwenza elihlobo ingathi awundibona,mvanje awundimameli awundikhathelelanga,awundazi noba ndisisicoko sayiphi imbiza."

Undifake umva wempama,efutha ephefumlela phezulu.

Mzomhle:"Chola la Phone!"

Ebesitsho ekhombe kuyo,umntana ebesekhala ngoku sixambulisanayo,nam bendikhala ndingayikholwa kwaphela lento yenzeka phakathi kwethu,Ebeqala undibetha ngempama zange wandibeka sandla,kwaye bendisiya ndikhathazeka bendibona lentombi ijola naye hayi iwuchithile umtshato wam,kwaye indivisisile ubuhlungu.

Busi:"Bhuti'Mzo uyandibetha?"

Bendizibambe isidlele ndingayikholelwa lento yenziwa yilendoda,bendimthanda lomntu kwaye bendingaziboni ndisohlukana naye,kodwa ngoku bendisuke ndanovalo ingathi ngenye imini uzosuke andigxothe.

Mzomhle:"Ndithe sapha la Phone."

Inhliziyo ibisukile esihlalweni sayo ndizibone sendiyichola ndimnika bendine stress esingaphaya kokucinga,bendingayi deserve lenhlungu kwaye,Nalenja ingu Mzomhle I realized that akandifanelanga we don't deserve each other ezongcinga zithe zakufika enhliziyweni yam yophuka eyam inhliziyo ndasuke ndakhala ndaguqa ndamnika uMzomhle iPhone yakhe ngoba kaloku ndandicinga yena ungowam ndedwa zange ndacinga ukuba singaze sohlukane ngoku ebendenza ndizibone ndindedwa ndizikhulisela umntana wam.Uthathe iPhone yakhe wasuka ecaleni kwam ehamba,kuze uKamva eqingqa umntanam,ebekhula emhle efana nalenja inguYise ibingase ndimjike ngalamzuzu afane nam ebethathe uyise ngento yonke,ndiye ndambamba wabe edlala ngenwele zam engazi nokuba kubethwa abaphi,Ndiye ekamereni yam noMzomhle ndafika ekhulula uMzomhle ndibeke uKamva ebhedini wabe edlala nge toy yakhe,ndikhuphe Ring ndayijula ecaleni kuka Mzomhle wayijamela wabuya wajamela mna,Ndiye ndakhupha impahla yam kwi wardrobe ndiyibeka phezu kwe bed,besendithathe isigqibo sohamba,bendisohluleka yilento yenzeka apha kulomzi,Ndithe nxandikhupha impahla kaKamva kwi wardrobe yazo,wandisusa uMzomhle enomsindo ebenamandla kwaye bendiziva ndifane nje nephepha kuye,andinawo amandla wokulwisana naye.

Mzomhle:"Ucimba wenzani huh?"

Bendingcangcazela ingase kungenzeki ngxaki,ibingase andivumele qha ndihambe ngoba kucacile akasandifuni.

Busi:"Ndi-ndiyahamba."

Mzomhle:"Uyaphi?(Khange ndimphendule ngoba bendingazi ukuba ndiyaphi.)Oh uyajola ngoku,Uyajola ngoku Busi?"

Bendibhidekile ngoba oyena mntu ngesithi uyajola nguye hayi mna.

Busi:"Andijoli namntu kemna bhuti,ndicela usapha impahla yama nomntanam ndihambe uyeke ube undisokolisa."

Bendithatha umntana ebhedini ngoku nditshoyo,uye wamxutha uMzomhle wabe selila umntana.

Mzomhle:"Akayindawo uKamva,noba uzobu hamba wedwa obubutshiza bakho,owam umntana akayi nowhere!,ngewuhamba wedwa kesisis ushiye owam umntana."

Bendicaphuka bendinendawo ezirhazelelayo ebendicaphukisa eyinto nje! endingayaziyo uMzomhle.Ndizibone ndimfaka impama ndithe xandizama uthatha umntana wamsayisa wambeka kula Bed wadophorisha Shirt wandibetha ekhwele phezu kwam enomsindo bendikhala ngoba ibibihlungu lento andenza yona lobhuti ndibone umntanam sekhwela phezu kwakhe uvele wamtshilizela kude wayobetheka umntanam wakhala,uye wothuka uMzomhle nxa ekhala uKamva wasuka kum wabe sembiza uKamva embamba emphulula ebemile ephethe umntana mna ndingqengqile phantsi ndizosula inyembezi.

Mzomhle:"Shhh! shh...boy it's going to be okay,uzobanomama onobubele umama omtsha,don't worry I promise you we going to be a happy family."

.

Indlela enilinika inxaso ngalo elibali lindenza ndizive ndi selfiesh,Hayi ndiyavuma niyalithanda,andizuyekiswa yilonto ke ngoba suku nosuku sibaneyi hlobo ezintsha apha khaya. 

#NotEdited


Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !