Chapter 15

Down
0

Bendincokola emnxebeni noMandla, kuWhatsApp.
...Ntando typing...
Ntando: Enkosi ngondithanda.
...Mandla typing...
Mandla: Caba awundithandi ne?
...Ntando typing...
Ntando: Umdala nje bhuti.
...Mandla typing...
Mandla: Uqale nini undibona ukuba ndimdala ngoku?
...Ntando typing...
Ntando: Utsho ke ukuba awufuni uncokola nam.
...Mandla typing...
Mandla: Ukubangaba lento inge age, unangaphi ke mntanam ngoba mna ndina 28 uyeke nje uba sendinonyana omdala.
...Ntando typing...
Ntando: Kodwa bhuti uyayazi uTata noMama abayifuni lento yethu, kwaye wena utshatile.
...Mandla typing...
Mandla: Into ebalulekileyo luthando nolonwabo lwethu abanye abantu basibakhuphe ecaleni okwalomzuzu kodwa icebo ndzobanalo. Ekugqibeleni siyathandana kwaye uthelwe imbewu yam kwesosibeleko, leyo into abasoze bayijike.
...Ntando typing...
Ntando: Utshatile kodwa.
...Mandla typing...
Mandla: Myekele kum unkosikazi, into ebelulekileyo kukuba ndithanda wena.
...Ntando typing...
Ntando: Sizothini kengoku?
...Mandla typing...
Mandla: Ndinike ixesha Bbe.
...Ntando typing...
Ntando: Ok ke.
...Mandla typing...
Mandla: Mathongo amahle ke sthandwa sam.
...Ntando typing...
Ntando: Ok.
...Mandla typing...
Mandla: Haha mna caba awukhathalalanga nokuba ndileli njani na?
...Ntando typing...
Ntando: Ndzotsho kanjeni usalala noSindiswa, hayi wethu khandiyeke mna ndilale.
Ndithe ndawugqiba ndacima ídata-off. Ndazogquma ngomqamelo ndincumile, ndikhabalazisa imilenze ezingubeni. Kungene uSomila.
Somila:“Awuse happy, ndiyathemba ayingo Tamkhulu bae unobangela woloncumo.”
Ntando:“Ungandidiki kemna caba ndzongonwabi ngoku.”
Unyuse amashiya.
Somila:“Hayibo ufuthu ngowantoni kengoku, inyani iyakrakra kanene.”
Ntando:“Somila yazi ndzokuxela ukuba awuyiyeke lento yakho?”
Bendinomsindo uSomila efuna undililisa.
Somila:“Eyam intloko incamile, uxolo ke ntwana yam andzuphinda.”
Ntando:“Mxm” Ndiphethuke ndazogquma ndalala.
Namhlanje bekunge Cawe, uMama no Tata besiya ecaweni. uMama ungene ekamereni yam ndisondlula.
Mama:“Awuhambi nathi ukuya ecaweni na sthalala sam?”
Ndinyikine intloko ngoba uBhut'Mandla ebethe nonkosikazi wakhe uya ecaweni ndabe ndimxelele lolusuku lwanamhlanje kuphela endzobanesithuba ngalo, kuba apha evekini ndzobe ndisesikolweni.
Ntando:“Ha-ana andzukwazi intloko ibuhlungu.”
Mama:“Ok ke sthalala sam siyahamba thina noTatakho kengoku, uthathe iR10 phantsi komqamelo utsho kuSomila ngoku angekabiyindlela ayokuthengela ígrandpa.”
Ntando:“Ingaba lonto ivumelekile?”
Bendibuza kuba ndandive kuthwa umntu omithiyo akaseli nokuba yeyiphi ipilisi.
Mama:“Uthetha ngantoni ngoku sthandwa sam?”
Ntando:“Nditsho kuba ndi...”
Nditsho ndizibamba esiswini.
Mama:“Ewe, hayibo ndingayitsho njani lonto. Okwesibini akuqaleki ngawe umitha apha.”
Utsho ephuma ngomnyango, ndivele ndanyebetula ndinyusa amagxa wam bendihleli ndingaphethwangwa yintloko. Ndithe ndawugqiba egumbini, ndayoxuka ébathroom ndosula iizandla zam ndayozenzela into ebheka phantsi kwempumlo. Bendichophe kwi bar-chair, ndicofa iPhone ngesinye isandla ndiphethe icephe ndilijikeleza esityeni bendincokola noBhut'Mandla. Ndiye ndakroba ngefesitile imoto kaTata ibiphuma nge gate ndancuma okugqiba ndagqobozela emnxebeni wam. Ndangena kuWhatsApp.
...Ntando typing...
Ntando: Bamnkile.
...Mandla typing...
Mandla: Kengoku nhanha ulinde ntoni?
...Ntando typing...
Ntando: Umfazi wakho uphi?
...Mandla typing...
Mandla: Umke kuqala lowo, khawuleza uzapha ma'an nhanha.
...Ntando typing...
Ntando: Ndiyeza sungxama.
...Manda typing...
Mandla: Ntando suyenza lento uyenzayo, khawuleza uzapha. Ndibilile kengoku.
...Ntando typing...
Ntando: Haha ndiyeza sthandwa.
Ndiye ndacima ídata, ndabeka lo Phone phezu kwe tafile, ndayohlamba okugqiba ndosula ndathambisa ndayokhetha eyona lokhwe yomhlaba emela entla kwamadolo indibambile umntla lo okugqiba ichithe ukusuka esinqeni ibomvu umbala lo, ndinxiba íheel yam bendifuna isihlangu esiphakemeyo kuba ndifuna isithoma sam singabimfutshane kakhulu kunesikaMandla. Ndolule inwele zam ngekama ndizijonge esipilini, ndazitsweba iphondo okugqiba ndaya ekamereni kaMama ndajonga ímake-up ka Mama ndama phambi kwesipili ndazithambisa umlomo wabomvu krwe hayike ndamhle ndimane ndincuma ndedwa kulo kamere, ndiphatha kujikeleza ndizibuke umva iimpundu zam ibingathi yibhola ndimile ngalendlela ivamna yangathi ndandizikhethele lona umzimba. Ndiphume ekamereni iPhone yam ikhala ékitchen, xa ndiyijonga ngu Mandla andayihoya kuba bendisazi ufuna uthini. Ndiphume endlini ndatsixa ndafaka isitshixo phantsi kwe mat emnyango ndenzela uSomila xa ethe wabuya ndingekabuyi, ndayophuma nge gate ndifike ndankqonkqoza emnyango, wavula uMandla wancuma endiqala ezantsi emilenzeni wabuya wandijonga ebusweni wasondela endanga okugqiba wandincamisa, unditsho yangase ndithethe izilwimi. Okugqiba wabuya umva endivulela indlela, ndangena wakroba phandle macala wavala icango emveni koko walungisa umqala endijongile.
Mandla:“Nhanha nguwe lo?”
Ntando:“Ndim sthandwa lo.”
Usondele wandibamba macala esinqeni, wandincamisa kwakhona ephefumla owona mphefumlo umhle ícologne yakhe isitsho kuqala.
Mandla:“Bendikukhumbula nhanha. Ibingathi ayipheli leveki, ukudlala oWhatsApp akuyonto yam kodwa ndiyamdlala ngenxa yakho ngoku. Umhle ngaphezu kwezi Photo ndimane ndizibuka.”
Ndiye ndancuma ndalaqaza apha endlini.
Ntando:“Uphi uLuthando?”
Mandla:“Uhambe noSindiswa.”
Ntando:“Oh.”
Mandla:“Utheni uyamkhumbula?”
Ndiye ndamjonga wabe endijongile. Ndingaqinisekanga ngempendulo.
Ntando:“E..ewe.”
Uvele wancuma, wandibamba ngesandla echula nam ukuya ékitchen.
Mandla:“Ndiphekile apha enye yezinto endandizifundiswe nguMakhulu ndiyathemba uzoyithanda.”
Ndifike ndachopha, wabe ezamisa iimbiza bekunuka kamnandi ngeyona ndlela ebenxibe ívest emhlophe emthi manca nebhlukhwe emnyama nebhanti layo. Ebenengalo ezinamaqhuma ebebonakala ukuba ungumntu ophakamisa iintsimbi enenkqayi entloko namhlanje, bendimbukele ngoku aphekayo wabe encokola kodwa bendingekho lapho bendijonge lomntu undithathe intliziyo bendimthanda kodwa bendibanovalo xa ndicinga ngabanye abantu kuba abayifuni into yethu ingakumbi abazali bam. Uye wasondela.
Mandla:“Nhanha kutheni wathula kangaka?”
Utsho endibamba engemva endincamisa entanyeni, ndacimela ndincumile. Bendivele ndizive ngendlela eyahlukileyo xa endibamba, ebevele andibambe ndigijimelwe ligazi. Ngalamzuzu bendizibuza ingaba kusisono na ukuthandana nomntu onomfazi? Ukuba kusisono kutheni ndiziva oluhlobo ngaye? Lento iluthando injani kanti?.
.
Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !