Chapter 16

Down
0

Inye jwi into ebendiyazi kukuba noba abantu bangasimela endleleni yethu, kuthando lwethu noBhut'Mandla kodwa yena ngoyena osentliziyweni yam, kamnandi ebeke watsho ngokwakhe ukuba masibeke ulonwabo lwethu phambili noba ke lento sisayifihla kodwa ke ukuba into efihlwayo imnandi ngelihlobo bhetele ke ihlale inje ngoba yeyona endenza ndizive ukuba apha ebomini ikhona into ekuthwa luthando. Bendingumntwana ndingenazo ezinye injongo ngaphandle kovuyela le yenzekayo kuba le ndoda indivise eyona nto endingazange ndiyicingela ukuba imnandi kangaka mhlawumbi ke bubuhule apha kum obu bundenza ndizive ngalendlela. Ngalomzuzu, undibambe esinqeni esemva kwam wanyusa iizandla zakhe endicofa amabele endincamisa ecaleni entanyeni, ndakekelisa intloko ndiyishukumisa ndicimile, lento ayenzayo ibindenza ndigijimelwe ligazi yonke into ebeyenza ibindenza ndimamatheke kuba uyayazi ngqo apho ndibotshwa khona. Uye wandiyeka, wandijika ndajonga kuye. Imilebe yakhe ibicocekile imihle. Undibambe iizandla zombini esinye wasincamisa endijongile waphefumla endijonga ngqo emehlweni.

Mandla:“Ntando ndiyayazi ukuba andikho perfect, kodwa indlela endikuthanda ngayo ingapha kokuqonda ndisuke ndoyike xa ndicinga ngawe kuba unako konke okunqwenelwa yindoda. Umhle kwaye usavele ngobuso ezweni, ilizwe elikhoyo ke mntanam likhohlakale lifuna ubulumko. Andingomntu othanda ushwaqa kodwa nebhayibhile itsho ukuba bathande bonke kodwa uze ungathembi namnye. Usemncinci kwaye ezintwana zizokufika kuwe, zenze ingathi ziyakuthanda kodwa azikuthandi ntonje zifuna uhambisa ixesha uzungaweli eqhingini ke mntanam uwakhumbule amazwi am. Uzundikhumbule, ukhumbula ukuba ndikhona kwaye ndiyakuthanda.”

Uphinde wancamisa isandla sam endijongile. Bendisuke ndaliyilo kodwa into ebendiyazi kukuba ngoyena osentliziyweni yam kodwa into yokuba utshatile ibibuye indiphazamise xa kanye ndiqala ukuthi yeyona ndoda yamaphupho am kwaye endingathi ngenye imini nditshate nayo.

Ntando:“Bhuti andazi ukuba ndithini kodwa nam ndiyakuthanda, ndiyayicaphukela lendlela ndiziva ngayo isuke ibengathi ibaxiwe kuba ndiyaqala ukuthandana ngawe kwaye ndikuthanda ngalendlela ingafunekiyo kuba unomfazi wakho wena nabaza..”

Uye wandibeka umnwe emilebeni.

Mandla:“Shh.. ndiyayazi indlela oziva ngayo, akhosidingo soba uyinabise noba bangathini wena ungowam leyo into ivunywe nangabaphantsi. Bacinga sohlukana kodwa lonto zange yenzeke.”

Ndisonge izandla zam ndajonga ecaleni, lento ibindihlupha kuba bendizibuza sizohlala nalemfihlo kude kubenini.

“Ikhona into ongayithandanga kulento ndisando yithetha?”-uMandla ubuzile endijongile.

Ntando:“Sobafihlela kude kubenini?”

Mandla:“Lonto ingasithatha iinyanga ukuba ayingonyaka, kaloku Ntando usemncinci kwaye ingaba sizifaka engxakini enkulu ukuba singaxelela abantu kwangoku okanye ufuna uTatakho noMamakho bayazi?”

Ndinyikine intloko, ndikhathazekile kuba bendingayiboni isebenza lento ibisuke yafana nomlilo wamaphaphe emehlweni am.

Ntando:“Andinalo ithemba layo lento, kuba uTata ndiyamazi soze ayivume kodwa ndizimisele ukuthandana nawe.”

Uye wasondela wandibamba wandincamisa kwakhona, okugqiba wandanga.

Mandla:“Izosebenza noba bangathini.”

Undiyekile emveni kwexeshana, waphaka satya. Bekungemnandi ukutya kwakhe yehaa! kumuncisa intupha ndithathe isiselo sam ndasela ndimjonge ngapha kwe glass ngelixa ndiselayo ebemhle ebesemtsha engumfana osavele ngobuso ezweni kodwa ubumbona ukuba ukule ntanga seyilungele umtshato njengoko nomnwe wakhe ubunomsesane ithi kelonto akayifihli intoba utshatile. Ndibeke lo glass ndaqabelisa umlenze wam phezu komnye, bendingafuni andibone njengomntana bendifuna athi endijonga abone umfazi omlingeneyo. Uze uqonde ke, bendithi noba ndiyathetha naye ndiqiniseke ukuba andinyatheli ngengqondo phantsi bendiqinisekisa kwanto endiyikhupha ngalowa mlomo wam iqolile bendide ndilinganise uMama xa ebiza uTata xa ethi "Sthandwa sam."

Ntando:“Mhm uyayenza into yakho kucacile awukho good ebhedini kuphela actually akho apho usilela khona.”

Nditsho ndibeka isandla sam phezu kwesakhe, wandijonga wancuma. Uncumo lwakhe belundenza ndihanjelwe ligazi lantoba bendimthanda, ndiyivuyela nentoba ndiyakwazi umenza ancume kodwa bendizibuza ukuba ingaba nomfazi wakhe umenza onwabe ngelihlobo ndimbona ngalo lowo ibingumbuzo ngaphakathi kum ndizibuza ingaba umonelisa ngelihlobo okanye wonwaba ngaphezu kwalendlela ukuba kunjalo ingathi lonto ayizuyihlalisa kakuhle intliziyo yam konakona ibingase abengowam ndedwa kuba bendiziva ndinobukhwele ngaye.

Mandla:“Nhanha ndingathi lento seyise gazini, enyanisweni uThixo akhonto angandinikanga zonke zilapha kum.”

Utsho elume umlebe ongezantsi, ndabe ndimhleka.

Ntando:“Nobuhle, zange ndayibona indoda entle nje ngawe yazi ndiyarhalela ubona abazali bakho kunoba banjani.”

Mandla:“Haha hayi ma'an Ntando suthetha ubuntwana apha zange yantle indoda.”

Ntando:“Hayibo ikhona nje nantsi nguwe.”

Mandla:“Nhanha kaloku sithi isiXhosa ubuhle bendoda ziinkomo zayo, ngoku wena uyandixaka.”

Ntando:“Hayike andiyazi lonto mna kwaye andifuni noyazi kuba andiyiva ngoku uyithethayo. Sapha isitya ndisose ndizihlamba zombini.”

Ukhalelwe yi phone, wayikhupha etasini esukuma.

Mandla:“Uxolo, ndingayiphendulela phandle?”

Ndiye ndanqwala, waphuma. Ndabe ndithatha ezi plate ne glass zazo ndazifaka ésinkíñí ndazihlamba. Uye wabuya.

Ntando:“Ndicinga ugoduka ngoku?”

Mandla:“Hayibo Nhanha ngoku ndizithembise kangaka.”

Ntando:“Uzithembise ngantoni?”

Usondele kum wandibamba ngazo zozibini wandincamisa.

Mandla:“Ngale.” Ndiye ndancuma, ndajonga ixesha beliselihle uTata noMama bengakazo buya ecaweni. Ndiye ndamjonga ndanqwala ndincumile wabe endisondele endibambe isinqa esi. Uncume wandincamisa okugqiba wandikha endiphakamisela phezulu.

Ntando:“Wow”

Ebendisa ekamereni yakhe. Apho andibeke ebhedini, ndimgonile wabe endijonge ntsho.

Mandla:“Amehlo akho nhanha ukhangeleka ungazinto ndisuke ndaziva ingathi ndikuthath’advantage.”

Ndinyikine intloko ndimbambile.

Ntando:“Sivumelene, lento nam ndiyayifuna.”

Ndithe ndakutsho wandincamisa ephezu kwam, wafaka isandla sakhe phantsi kwe panty yam ethumela nayo yonke imiqondiso yakhe emzimbeni wam intliziyo ibingathi isengqeleni ngenxa yovalo bobumnandi ebendinika bona bendipha nje ngokomzimba kuphela ndicimela mbha ndimane ukuvula umlomo, umoya lo ungena uyotsha ngco entliziyweni yam ndimane ndiginya ingwiqi. Sothuswe kukuveleka kocango, ndakhawuleza ndazogquma nge sheet wabe yena ethe geqe eme ecaleni ekhefuzela eyekelele imilebe ngumothuko. Ndayiva intliziyo yam ibitha kancinci, wabe uSis'Sindiswa eme emnyango egodle uLuthando umbona ukuba umangekile inyembezi uzibambe ngenkophe.

Sindiswa:“Mandla uphilile kakuhle apha entloko?”

Wajika wajonga kum,“Ntando sanalam ndenzeni kodwa ukuba ungaze undichithele umtshato ngelihlobo?”

Ebethetha kabuhlungu, lawo mazwi abuhlungu inyembezi zakhe zikufutshane ebonakala ukuba udandathekile ngalendlela ingathethekiyo.

.

#Unedited(Excuse any errors.)

Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !