Chapter14

Down
0

Singene ngaphakathi kulendlu, uMandla wabe endibambe ngesandla. Bendingakhulelakanga, kuba bendicinga ngesikolo ukuba ndzoya njani lendawo ikude. Bendisoyika ukuhlala ndedwa apha, abantu balendawo andibazi. Bendicinga kaninzi, ndicinga ukumcela andise ku Glenda, ebethi ethetha ibe lento ayithethayo ingena ngapha iphinde iphume ngapha bendingammamelanga uye wama wandijonga.

Mandla:“Ntando undimamele?”

Ntando:“Ewe.”

Mandla:“Ndithini? Ntando yintoni ingxaki ndixelele ukuba ikhona into ekukhathazayo ndzobona icebo?”

Bendinomva ndedwa, iyonke lento ibingandiphathi kakuhle. Ndiye ndasonga iingalo zam ndifinge ubuso bendikhathazekile.

Ntando:“Bhuti ndicela ukubuza, kutheni lento uzixakekise ngam?”

Mandla:“Uthelwe umntanam Ntando kufanele ndizixakekise ngawe.”

Ntando:“Ukugqibela kwam ubungafuni nento yokwenza nam nalomntana uphinde watshintshwa yintoni?”

Uphefumle wajonga ecaleni wasondela kum, wandibamba iizandla zombini eme phambi kwam.

Mandla:“Zange nangemini enye ndangafuni nto endidibanisa nawe, ntonje mntanam bendisoyika imiphumela yayo yonke le ngxaki sijongene nayo ngoku. uTatakho uyamazi ukuba ngumntu onjani.”

Ndiye ndajonga phantsi. Wandinyusa isilevu ngeminwe yakhe sajongana.

Ntando:“Enyanisweni andinangxaki nokuba umthathe umntanakho xa ekhona mna undiyeke, kodwa ndzocela into enye kuwe ukuba undise kuGlenda ngoba nguye ondizalayo kunoNakhane. uNakhane akango Mama wam.”

Ufinge isibunzi umbona ukuba udidekile.

Mandla:“Uhlalaphi uMamakho?”

Ntando:“Uhlala eKapa, kodwa ndiyakwazi kowabo kuse Gcuwa. Mandla ndifuna ubuyela eGcuwa, apha andazani nabantu ndiyoyika xa uNakhane noTata bengasandifuni ndifuna uGlenda mhlawumbi yena uzondamkela ngoba ebendifuna ngoku bendiseGcuwa.”

Ubuye umva uMandla wafaka iizandla etasini.

Mandla:“Uqinisekeli ngalento uyithethayo, ufuna yona nyani? ngoba mna bendingena ngxaki ngokuwoya ndzokuqashela umntu wokuncedisa apha endlini, uye esikolweni..”

Ntando:“Awu understand akumnandanga kum. Ndiphinde nokuya kuTata ndiyocela uxolo, andiyithandi nale yenzekileyo eyokuba bafike ndikwakho mhlawumbi bazoxola ukuba ndazithoba. Ndicela undise kubo kuqala ndiyocela uxolo, ukuba abafuni undise kulo Glenda ke. Ukuba nalapho akulungi undibuyise.”

Mandla:“Ndiyakuva kwaye ndiya understand..er indlela oziva ngayo.”

Usondele kum kwakhona, wandibamba wandincamisa esibunzi endibeka esifubeni sakhe. Ndiye ndacimela kuba bendidinga umntu ondixhasayo ngalamzuzu. Sibuyele eDimbaza ke, apho uMandla afike wamisa imoto ecaleni kwasekhaya. Ndabamba icango kuba ndizolivula, ndamjonga.

Ntando:“Ndiyahamba ngoku.”

Mandla:“Ndikunqwenelela intlahla, ndizosoloko ndikweseka nakweyiphi na ingxaki ekuvelelayo ukhumbule ukuba sisobabini kulento ungandikhupheli ngaphandle.”

Ndiye ndanqwala ndaphuma, ndithe phambi kokuba ndingene ndaphefumlela ngaphandle ndimile okugqiba ndangena ndankqonkqoza emnyango kuye kwavula uSomila, wandijonga okugqiba wajonga emva waswaya endivulela indlela ndangena uTata ebehleli esofeni ephethe iphepha-ndaba uNakhane ephunga. Baye bandijonga nje, ndayohlala esofeni uSomila wavala icango wazochopha. Ndilungise umqala, ndazincama.

Ntando:“Mama, Tata? Ndiyazi ukuba ndonile, kodwa into yokuba ningabazali bam soze isuke lonto. Nini nobabini, abantu endikhulele kubo akekho omnye umntu endimthembileyo ngaphandle kwenu, andazi ukuba ndingakhala kubani ukuba ndingalahlwa nini. Andisoze ndiye ndawo ngaphandle kwenu, ndiyanithanda Mama. Intliziyo yam ibuhlungu uyazi ukuba ndiniphoxile, ukuba bekusithwa umntu uyakwazi ukubuyisela ubomi emva bendizobubuyisa ndilungise iiziphoso zam kuba andithandi unibona niphoxile ngenxa, kubuhlungu unibona nisiva kabuhlungu ngenxa yam...” Ndiye ndaphefumlela ngaphandle ndinento ebuhlungu apha emqaleni, inyembezi bezizehlela imithambo le yomqala imile intloko ishushu. Ndityatyadule ndathi,“Ndicela uxolo, ndicela uxo...uxolo” Bekuya kubabuhlungu ngokuya ndithetha, kunzima ndinesingqala. Uwise lo komityi uNakhane, ekhamisile zehla inyembezi kuye ukhawuleze wasukuma weza wanditsala ngesandla ndama wandanga. Ndabe ndikhala ezandleni zakhe.

Ntando:“Ndi..ndicela uxo..uxolo Mama.”

Nakhane:“Ndikuxolele mntanam, ndikuxolele.”

“Hiiiiiiii...” Ndivele ndasothula isikhalo esifubeni sakhe, ndicimele amehlo ingathi soze ndiphinde ndiwatyhile. Bendidandathekile, intliziyo yam isukile esihlalweni. uNakhane endincamisa esibunzi endiqinisile kwesosifuba sishushu. Bendivele ndakhulelaka ngakumbi. Emveni komzuzu, wandosula impumlo nenyembezi nge scarf sakhe ebesijinga emqaleni kuye, sachopha sijonge kuTata wabe ebeke iphepha-ndaba ecaleni exhathise ngengqiniba ebeke iminwe kwelicala lokucinga umbona ukude ngeengcinga.

Nakhane:“Tata kaSomila umntana ucela uxolo?”

Tata:“Ndimxolele ukumxolela kona kodwa lonto ingalinge imphazamise acinge oloko esenza impazamo uzoxolelwa, uxolo lwam alumthumi ukuba aze aphinde. Imbi kakhulu into eyenzileyo uAmomeleze.”

Nakhane:“Tatakhe, masiyeke umkhumbuza. Into ebalulekileyo yindlela ebheka phambili nalento ngoku, osekwenzekile kuyafana nokwenzekileyo.”

Tata:“Into endiyifunayo, kumsenga la Mandla athi noba secinga uphinde uyenze komnye umntanamntu lento ayenze kuNtando akhumbule.”

Nakhane:“Andifuni kwa mali kaMandla kulena indlu, ukuba ucinga ukufuna intlawulo cinga elinye icebo ke bhuti ngoba kubekho kwanjalo uMandla uzobanamandla phezu kwalomntana kaNtando ngaphezu kwethu angamthatha nomthatha xa sele ekhona abe ke uNtando esokole i9 Months yonke.”

Tata:“Nakhane lisiko lidala eli asinako ukumvalela ngaphandle, yiyekele kum lento.”

Usukume waya egumbini uTata, uNakhane wamlandela. Ndikhawuleze ndakroba uMandla ebengena kwakhe nge moto ndime emnyango ndaphakamisa isandla wancuma okugqiba ndangena endlini uSomila endijongile enyikina intloko.

Somila:“Uyamthanda?”

Ndivele ndabhideka ngulombuzo wakhe.

Ntando:“Intoni?!?”

Somila:“Senditsho usibari uyamthanda?”

Ntando:“Hayi andiyazi lento undibuza yona, futhi ukuba ulindele impendulo kum bhuti libala.”

Nditsho ndisiya ékitchen, ndajonga into ebheka phantsi kwempumlo. Nditye ndathsarhaza ingathi kudala ndagqibela ekhaya bendichophe kwi bar chair ndinendawo ezincuma ndedwa bendivuyela lento ndixolelwe. Ndithe ndawugqiba ndahlamba isitya ndasibeka ngokwendawo yaso, ndaya ekamereni ndijonga iPhone yam. Ibine message ku WhatsApp zenumber ezimbini ibizi unknown-numbers. Xa ndijonga íprofile-picture yale isekuqaleni ibingu Amanda.

Amanda: Hi¹

               . Hayibo chommie uphi wanqaba kangaka?²

   .Ntando typing...

Ntando: Chommie I'm pregnant😭

   .Amanda typing...

Amanda: Bitch! ndiyiqondile la mini sisuka éclinic ungafuni nento nokuthetha😱 andisoyiki bawo! surely Mandla is the father.

    .Ntando typing...

Ntando: Ewe nje😏

    .Amanda typing...

Amanda: Abazali bakho bayayazi? Oh bawo😮

    .Ntando typing...

Ntando: Its a story of another day💔.

Kungene enye ímessage yenye ínumber xa ndijonga íProfile-picture nguMandla nonyanakhe uLuthando.

Mandla: Ntombencinci¹

             .Ntando?²

    .Ntando typing...

Ntando: Taka Luthando.

    .Mandla typing...

Mandla: Úright?

    .Ntando typing...

Ntando: Uyifumene phi ínumber yam😏

    .Mandla typing...

Mandla: Kengoku awuzundiphendula😂 kuba ulungelwe ngoku✋ 

Kungene uNakhane ephethe ilokhwe ezimbini, ndacima ídata ndifaka iPhone yam phantsi komqamelo.

Nakhane:“Ntando khawundikhethise apha kwezi lokhwe, yazi ndixakiwe ukuba ndinxibe eyiphi, sinetheko emsebenzini.”

Ntando:“Le ise left Mma yeyona ndiyithandayo hayike xa uyinxibile, uvele ibengathi ungomnye wezi celeb.”

Nakhane:“Haha hayi sundibhanxa wena, yazi nam ndikhetha kwayona kunale.”

Elosuku luqhube ngendlela ebendingayilindele, kumnandi kodwa bendisabambe igazi ngoba kaloku bendinayo la ndawo ithi bendikhe ndamosha bendingafuni ukhululeka kakhulu ingathi andisidanelanga isenzo sam. Bekusebusuku ndigqibawohlamba, ndangena ezingubeni ndakhupha iPhone yam phantsi komqamelo ndiyifaka écharge ibisecaleni kwe bhedi okugqiba ndavula ídata. Ndangena kuWhatsApp bendine Message ka Amanda no Mandla. Ndityhile eka Mandla kuqala.

Mandla: Ndiyakuthanda❤ okay?

    .Ntando typing...

Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !