INSERT 45

Down
0

Iphelile 3days ndilapha besendonele ngoku yini kunini ndihlala esibhedlele kwaye ulelo ndimtyisa ndimtshintshe ngexesha elifanekileyo futhi zange ndamwisa kodwa basadigcine apha mxm.ndithe sazicingela ndifunge ezontshiya zam kungene inurse
Nurse: lungisa izinto zakho umama wakho ukhona uzokulanda
Ndakhe ndema ndayijonga le nurse kungathi kanti uyaxoka kuba umama bezondixelela xa esiza ngoku khange afoune atsho uba uyeza.
Ndithe samile njalo gqi umama yhu andavuya ndakhawulezisa ndapakisha into zam nezika boy
Nurse: ziphi impahla zakhe Abe emnxibisa umamakho,ndamnika impahla wamnxibisa ndabe mna pakisha impahla ebhegini .ndive ngentsini wonke umntu ehleka haibo noba kuhlekwani xa ndinjonga oh hayi badlala ngoBoy wam kuba zonke impahla zakhe bezifika zibekulu kuye kubengathi kunxityiswe ikhuni
Nurse: bakwenza umntu shame kanti abayazi
Mama: no new born lo mkhulu kuye yho
Wonke umntu ebejonge uLelo
Nurse: ngubani igama lakhe
Wajonga kum umama
Me: Lelothando
Nurse: alisemandi lithiwe nguwe
Me: ewe
Mama: kum nguKamva
Me: haike wena mama
Mama: haike ntoni
Zahleka inurse
Nurse: nazi impahla mawumnxibise zona zizamenele
Ibizi mpahla zabantwana caba ziyathungwa coz bizezewulu ugqiba kunikww I premature ezi kuba impahla zibakulu kubo ezeshop.wamnxibisa umama yho hayi sana uAnele bengazuzithanda ke ezi impahla shame. Sagqiba sahamba no Mama sayokhwela taxi ndabe phethe ibag MNA umama ephethe umntana
Me: awatsho noba uyeza
Mama:bekukhumbula uMbali futhi cinge uba ayikho into le bakugcinele yona pha
Me: umshiye nabani uAlwaba
Mama: notata wakho
Me: wavuma
Mama:if bengazuvuma noba bezozokulanda ngokwakhe so bengena choice
Umama bendimthanda kodwa noba bendimoshiyel she still loved me
Safika endlini wabe ekhala uboy ndamenzela ukutya moss bekuthiwe ndimtyise isiciko setiti qha ndingamcacisi ititi but still wakhala encanca iminwe yakhe
Mama: khohambe no mbali niyothengela lomntana ititi
Sahamba nombali bekunetha so besihamba sibaleka xa sibuya ndeva Anele endikhwaza but ndenza ngathi andimva
Mbali:sisi uyakukhwaza ubhuti
Ugqiba wena wajonga emva kwanyanzeleka kuba ndime nam
Anele: kunini kukhwaza
Me: khange kuve
Anele: ufike nini
Me: ngoku
Anele: ubuye naye uboy
Me: ewe ukhona endlini ndimshiye nomama
Anele: awatsho noba niyebuya
Me: didn't have tym
Anele: oh zambona nini uboy
Mbali: ngoku ekhala kangaka lomntana wakho bhuti ngathi asizulala nguye
Yho ibinguMbali kelowo I missed here thou
Anele: unako ukutya
Mbali: uzotya okuka Alwaba
Anele: gomso uyomthengela Or utsho kumama wakho enze list undisendele ndidlule xa buya espani
Me: okay zakubona gomso masambe ngoku kulate kudala sithunyiwe
Anele: plz zundibonise uboy gomso
Mbali: uye ekhaya gomso sobe sihleli sodwa mama uzophangela notata
Anele: ndiyakuthanda mbalisto vha
Yancuma lanto yasekhaya kuba binikwa i5rnd
Sahamba safika wamenzela ipelagona yho wancanca uboy wahlutha ndambhodlisa walala
Tata: ibilambile lendoda
Mama: bebemlambisa pha
Ndapheka ndaphaka ugqiba salala ubuthongo bendinabo vele ndalala thuke kuba ndigodola xa ndithi akekho uboy ebhedini yhu uvalo xa ndijonga naku elele uwe negubo zonke uwe phezukwazo ugqiba wembatha ezakhe ndamthatha ndabeka ezingalweni zam thnx god he was okay walala esezingalweni zam...............
Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !