Chapter 1

1 Like = ❤️
0

Chapter 1

Kubuhlungu,akhonto intle,uhlala nomntu ogugileyo aphinde agule ngengqondo kube kusithwa ngabantu basemphakathini uyathakatha ube umncinci.uMakhulu ndandihleli naye phandle kwabe kutshisa kunomoya ophulileyo.Ndive ndibizwa ngomnye ubhuti engaphandle kwe yard.Ndasukuma ndazivuthulula ndabaleka ndaya kuye,Wayese motweni,Umakhulu yena ndamshiya ethetha into endingayivayo ndabe ndisazi ukuba uyabhuda uthetha ezizinto azibona yedwa,emane ukujonga emacaleni ingathi ubona umntu ombethayo inyembezi zabe zisehla kuye ngayona ndlela ilusizi endikhalisayo.
Makhulu:"Sukaaaniii! suuu-suuu-suuukaaaniii! apha,ndiyekeni Ohh! Bawo! yhini undiyekela,Nkosi nakulena ingxoko'ngxoko ndoyame ngawe Hiiiiiiiiii!"
Wakhala isijwili umakhulu,ndosula inyembezi mna ndabe ndimshiya ngasemva ndisiya kulobhuti undibizayo,ndafika sendizosula,ngoba yayibuhlungu into eyamehlela umakhulu,igama ke lam ndingu Busisiwe.
Busisiwe:"Huh?"
Ndafika sendisitsho kulobhuti,wandijonga umzuzwana waphinda wajonga umakhulu,ndajonga ngasemva nam ndaphinda ndamjonga lobhuti njengoba esemotweni.
Bhuti:"Unjani?"
Ndaqala ndaphemla ndingcangcazelisa amazinyo ngoba ndandisando lila.
Busi:"Ndiyaphila bhuti,wena"
Bhuti:"Ndiyaphila nam,ngumakhulu wakho lowa."
Busi:"Ewe bhuti,kutheni undibuza."
Ndambuza lobhuti ndidekile.
Bhuti:"Ndibuza kuba ndisoloko ndikubona uhleli naye,Caba uyamthanda."
Busi:"Ewe,into endenza ndisoloko ndihleli yilent'uba ndimkhathalele,Caba kudala weza kweli cala,awuqali usibona nhe."
Ulungise umqala,wathatha iplastic yakwa Spar.
Bhuti:"Thatha le plastic,andithenganga zinto zinintsi kodwa ndzozama ukuthenga igrossary eyanele ngomso."
Ebesitsho ephuma emotweni,ebebonakala ukuba ngumntu oneemali zakhe,ebemhlophe emhle ebengoyikeki,kodwa bendidekile ndizibuza ingaba ufunani ebantwini abangama hlwempu njengathi,kaloku abantu abanemali ndibazi mna beziphakamisile,abantu abahluphekayo bebabona njengabantu abangabhadlanga bengacocekanga.
Busi:"Uyaphi?"
Bendikhamisile ngoba ebengena eyardini,bendinentloni lomzi wasekhaya ngoba ubumdaka kucaca ukuba kuhlala izihlupheki,Uvele wancuma lobhuti emhle enjalo kodwa bendingekho lapho.
Bhuti:"Ndifuna ubona ikhehlekazi,subana ngxaki mntanam andingomntu unentliziyo embi."
Busi:"Hayi! hayi!,bhuti hamba apha thatha izinto zakho uhambe usiyeke thina sizihlalele,asikudingi."
Ndimdibanise ne plastics zakhe ndingafuni angane kwi gate,ndabe ndimbona uphoxekile.
Bhuti:"Busisiwe! sukuyenza lento uyenzayo,indawo kuqala ela khehlekazi alizulala lilambile ngenxa ye moods zakho,okwesibini andizu ngangeni apha ngenxa yakho,okwesithathu sundibamba kanje andiyo ntangakho,andizuyekela umakhulu wakho alambe ndimsizela ngenxa yakho,lento ndiyenzayo ndiyenziswa yintliziyo marn! don't dare undifanise nababantu balapha kulelali yakho,ndinziswa yintliziyo ndiyaqala ubona abantu abanobomi obuyeleleneyo nobam endabuphila ndisemncinci,ndiyeke."
Amehlo wakhe ebebomvu ngoku kubonakala uxheleke umphefumlo,Bendisothuswe yile yoba esazi igama lam,ndiye ndamyeka amehlo ethu ajongana kungekho nomnye oqhwanyazayo,Amehlo anemibuzo.
Busi:"Ungubani,usukuphi mean ungowaphi?"
Bendine voice engcangcazelayo.
Bhuti:"Ndingu Mzomhle ndize ngomsebenzi apha Busisiwe,kodwa kwenzekile ndayazi lendawo ndisuka eBhayi."
Ndigwinye amathe saaangena! eyardini,uBhuti Mzomhle ufike wama ngakuMakhulu wabe uMakhulu esukuma ejonge uMzomhle ingathi ubona isiporho othukile.uthe uBhuti Mzomhle nxa embambha isandla.
Makhulu:"Hayi! hayi! ungandibambi mfana hambaaa! Busi nguye lo,uzondilanda uthunyelwe ngalama gqwirha alapha kulelali,hambaaa! sathana phuma emzini wam! Hiiiiiii! naba abanye befuna undibulala ndincedeee!ni."
Utsho encamathela kum umakhulu ingathi kukho abantu abamfunayo yena aba bona yedwa.ubhuti Mzomhle bendimbona udidekile ndiye ndamphulula umakhulu.
Busi:"Yilempilo ndiyiphilayo kele,akhomntu amfunayo,nawe uyazibonela."
Nditsho ndifixiza inyembezi zazehlela kum.
Mzomhle:"Busi sukhala kuzolunga."
Ndiye ndahambisa uMakhulu ndamsa endlini,ndafika ndamlalisa ku mattrass ndamombathisa ngengubo ndamsula inyembezi,ndaphuma nesitulo ndanika uBhuti Mzomhle wachopha mna ndahlala phantsi ndajongana naye.
Busi:"Ngoku ubusithi ubomi bakho buyelelene nobam,ubuthetha ukuthini?"
uBhuti Mzomhle uye wajonga kude ingathi uyacinga okugqiba wosula ubuso ngezandla.
Mzomhle;
"Ubomi bunzima kwakubuhlungu kum,ndihlala nomama wam,owaye gula ngugawulayo ndimncinci ndina 8 years ndisedinga uthando nokhuseleko lwabazali nemfudumalo,elalini eMbhashe kulamacala angase Xhorha idolophu,abantu baselalini besithi umama uyathakatha kwaye uzobosulela nge Aids bengafuni nombona,umama ugulayo wamfumana kutata ngelaxesha wayesaphila utata evela eGoli ngoba waye sebenza khona eMgodini,kodwa kwenzekile abuye ngenxa yokugula wasishiya bamngcwaba inyembezi zisehla kum kungemnandanga ngoba ebesishiya singenanto,kodwa kwaphela washona samngcwaba,ndashiyeka nomama naye egula.Babe besithi abantu uyathakatha,kuthi noba kusweleke umntu ekuhlaleni kuziwe ekhaya ngabantu ababezizihlobo zika mama bathukisele entla komzi,bathi uthakatha kakhulu nguye lo ugqiba ilali,kwathi ngenye imini ndihleli nomama ebusuku,sabe silayite isibane umama wakhohlela sabe sileli phantsi kumondlalo we mattress ndavuka ndamkhelela amanzi ngemagi ndabaleke ndaguqa ecaleni kwakhe ndabeka intloko yakhe phezu kwamadolo wam ndamselisa ndilila,ndinikezele ngomphemlo kamama ndisithi uyandishiya,ngoba ebesephuma igazi emlonyeni,ndamselisa amanzi.
Mama'kaMzo:" Sulila mntanam."
Watsho ngelizwi elibuhlungu umama kuvakala ukuba uphelelwa ngamandla,inyembezi zabe zisehla kuye,andikwazanga unyamezela nxandibona umama elila ndavela ndaphelelwa ngamandla zehla inyembezi kum.
Mzomhle:"Maaaama! maaama! andikwazi unyamezela wawundizisela ntoni emhlabeni."
Ndandisithi ubomi basemhlabeni bundohlule,ndikhala.
Mama'kaMzo:"Su-su-sukhala kaloku mntanam nxakulila wena uthi mna mandithini."
Ndazibona ndingelo ncedo kumama ngobobusuku,kwavele kwaduduma kweza umoya omkhulu,kwabetha izulu endlini.
Ndava ingxolo yabantu abaninzi kucaca ukuba ngabalapha elalini,ke kaloku ngoko elalini kwakukho abantu abatshisa amagqwirha bawabulale,kwavele kwavuleka icango lebethwa ngezembe inhliziyo yam yasuka isihlalweni sayo ndaxhuma ndibuya umva ndinyikina intloko ndikhala yayizi solomzi ababhuti nabatata babulala amagqwirha nabantu abanogawulayo elalini,ndalila bephethe iparrafin ne vile lemoto babamba umama bemkhuphela ngaphandle isandla sakhe sabe sijonge kum efuna undibamba umama kubuhlungu emphefumlweni wam,amehlo wam naye ejongene lusizi enenyembezi kubonakala kukohlukana kwethu oko emhlabeni,abanye omama babamba mna basikhuphela ngaphandle,ebusuku silila,nezihlobo zakhe zazikhona phakathi kwaba mama zindixhokonxa ndikhala,bendirhangqile ndandithi ndakujonga umama bamtshisa.
Mama'kaMzo:"Aah! umntanam,ndiiiinceeeedeeen."
Wabe esemlilweni ndakhala kakhulu ndizitsala inhliziyo yam isukile esihlalweni ndiwuva lomthwalo ungaphezulu kwamandla wam.
Wathi omnye umama owayesisihlobo sika mama:"Nali elithole legqwirha botata lizame ubaleka."
Zavela zahla ngamandla inyembezi intliziyo ibihlungu,intloko ibuhlungu nomqala kunzima nditsho uginya amathe."
.
Besendilila andikwazanga unyamezela lento andibalisela yona uBhuti Mzomhle.
Busi:"Kubuhlungu ukuphila ngaphandle komama notata."
Mzomhle:"Kwaphela wasweleka bamtshisa uMaaama!"
Utshilo ubhuti Mzomhle zisehla inyembezi,ndiye ndasukuma wandanga salila.
.
Uyayazi Imeko Yakowenu.
(SHARE!) Please invite every and each of your friends we need your support,Thank you.
Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !