Chapter 2

1 Like = ❤️
0

Chapter 2

"Bambulele uMama ndijongile wakhala kabuhlungu."
Kwavele kwabuhlungu kum,nxandisiva uMzomhle ethetha kabuhlungu.Ndandisezandleni zakhe sabe sithuthuzelena ndabuya ndasuka kuye wandibamba izandla wasukuma esitulweni wandijonga.
Busi:"Ndiyoyika."
Waye wandosula inyembezi lobhuti ngeminwe yakhe,wabe ebomvu emehlweni.
Mzomhle:"Sukoyika mntanam,Asoze kubekho mntu unibeka sandla ndikhona."
Waphefumlela phezulu wajonga ilanga,wabe encwinise amehlo waphinde wandijonga.
Busi:"Wasinda njani kuyo yonke lenkohlakalo."
Bendisitsho kuba ndidinga impendulo.
Mzomhle:"Inde lento,but later you will understand,masithi Ebennezer kuba uMdali undihole kwade kwalapha ngenxa yothembela kuye abantu sebendithufela kodwa ndalila ndinyamezele namhlanje ndine Business zam,namhlanje ndiyakwazi unceda izidalwa zikaThixo namhlanje ndiyayazi elungileyo nengalunganga ngaphandle kokhulela esandleni somzali,ndikhulele esandleni sikaYesu mna Busisiwe ndibeke ithemba kuye ndade ndayifumana lempilo bendiyifuna,uThixo unecebo everything its possible nothing impossible,wena nyamezela ubeke ithemba kuye kuzolunga,Ndzakufundisa ubeyilento ufuna ubeyiyo mntanam ndzakunikhuphula andifuni noyiva leyoba nihlale apha nedwa akukho safe Apha mntanam,uzoyohlala nomntanam nam,umakhulu wakho yena udinga ukusiwa esibhedlele endzele uba azodibaniswa ne treatment azotsho abengcono,uyandiva phofu Busi?"
Undibambe ezingalweni zam endiphulula ebonakala engumntu okhathalayo,Ndandingazazi noba mandithini ndandiswele amazwi kudala ndiludinga uncedo,kodwa bendisoyika uDabawo lo useMonti ningamlibala njani lowo ngulo utya imali kaMakhulu nabantwana bakhe kwela Monti,kofuneka axelelwe kaloku angaboni ngoMamakhe sesiwe kwi Mentallity Hospital,angaphambana aqhawukelwe kumqondo ndlela le ageza ngayo ndiyamoyika.
Busi:"Ndiyafuna uhamba nawe Bhuti Mzomhle kodwa ndoyika,uDabawo ozwala nguMakhulu andazi noba uzovuma na,kuzomela simazisile kumamakhe lowa."
Uvele watshintsha ebusweni wabe ebonakala ephoxakele ebenentliziyo lobhuti ubumbona nje uvele adane nxa ungavumi le ayithethayo,ulume umlebe(lower lip) ongezantsi.
Mzomhle:"Ukhona kanti umntu enizalwa?"
Ndivume ngentloko,Ndiye ndamxelela ngoDabawo,kuba ndifuna acacelwe lobhuti ngoba ebedanile.
Busi:"Kuzolunga usise kuye eMonti,Ndiyakwazi apho ahlala khona sasikhe saya nomakhulu eyolungisa iPeyi."
Kuvele kwancuma amehlo ubumbona nje ukuba uyatyhileka iyamonwabisa lento ndiyithethayo.
Mzomhle:"Ndzohamba nani nini kengoku,ngomso or kwanamhlanje."
Busi:"Ungasisa nangoku ukuba unalo ixesha,mna sendiyoyika lendawo."
Bendingavuya noba singafika ngoku apho eMonti bendiyonyanya landawo bendifuna ukumka ndingaphinde ndibuyele.
Mzomhle:"Hamba kaloku,Ha-hambo lungisa sihambe."
Utsho encumile emhle ubhuti,ndikhawuleze ndangena endlini ndabe ndimshiya ebambelele esinqeni ngesinye isandla ephethe izitshixo.
Ndiqoqoshe umthwalo wam noMakhulu ndafaka impepha zam zesikolo ne Birth zam,ezika makhulu beziku Dabawo.Ndasukumisa uMakhulu endlini wandijonga wanyikina intloko.
Makhulu:"Undisaphi na mntanandini?"
Ukuba uyamazi uSompisi waku Generation omdala lo wayephunga qho iTEA wethu,ingqondo zika Makhulu bezifana twatse nezekaSompisi ngomane zimka ziphinde zibuye for a second,andimothuki.
Busi:"Siya kwiNtombi yakho Makhulu,uDabawo uyakubiza pha e...-"
Ndivele ndothuka nxa ephambana uMakhulu Oh Nkosi! yinto enzayithini le nxa zithe mpriiiiii azikhawulezi tuu ubuya zingabuya nangomso,uXhathise ngenyawo uMakhulu wama NGXI!,akafuni noyibona intombi yakhe abavani.
Makhulu:"Mxelele loDabawo wakho uba Ndithi,ANDIZIII! ningand'faki ANDIZI! tyhini andizi tuu kaloku ye-yena uyaqhu-uyaqhunywa yena,intsango yimithi yakwakhe,u-u-uthengisela nabantu wawuyivile lonto?"
Nxa evukelwe yilengulo yakhe uMakhulu ebehleba nohleba amane ejonga emacaleni ajonge ukuba akukho omnye umntu osivayo na,caba ngela xesha waye yi gossiper,ebede andibethe esandleni kaloku nxa ezohleba.
Busi:"Hayi."
Makhulu:"Andiyi kwakhe ke mna,noba nizotshaya nobabini ke."
Kungene ubhuti Mzomhle emnyango,esathetha indaba zakhe zongabhadli shame uMakhulu,Ndiye ndajonga uBhuti Mzomhle ndanyikina intloko ndimbonisa sign yoba akavumi uMakhulu,uqhwanyaze slowly ubhuti Mzomhle wazosula ubuso ngezandla wazigquma umlomo kancinci ngazo ebonakala ecinga ukuba somenza kanjani uMakhulu ukuze avume uhamba nathi.
Mzomhle:"What's she love a most?at the town"
Busi:"Khentakhi."
Mzomhle:"KFC?"
Busi:"Ewe umthanda kakhulu."
Uvele wancuma uMzomhle,wasondela kumakhulu ndabe ndisoyika ukuba uMakhulu amphoxe ngoba uMakhulu ebengabafuni abantu angabaziyo,uMakhulu uvele wazogquma ubuso apha kum wathi NCAA kum ingathi ubona umntu onentloni ngaye someone she is scared of,umane emkroba ngapha kwenguminwe ibibuhlungu lento yakhe ilusizi uMzomhle usondele kuye ecotha kancinci egobela ngakuye kuba efuna umbamba kakuhle.
Mzomhle:"Yiza yi-yiza Makhulu,siyokuthenga uKhentakhi omnandi eTown."
Uthetha naye kakuhle ndabona ngoMakhulu sesondela kuMzomhle sahamba sithe CHUUU sicothoza ndehla inyembezi,bendiqala ubona uMakhulu emamela umntu the worse thing wamgqibela kudala uKFC esaphilile wayeyithanda lanyama,saphuma ndatshixa endlini,sahamba safika ngase Motweni sangena wabe umakhelwane etshayela phandle ebemile ngoku ebambelele esinqeni ngesinye umtshayelo ilokhwe ziphephezela.Yaduma yahamba imoto intle sabe sisemva noMakhulu ombethe ixakatho saaahanba indlela ebheka eGcuwa eTown sangena etown wama uMzomhle kwaKFC waphuma wayongena khona bekusathulekile kuMakhulu,waphuma uMzomhle ewuphethe wangena emotweni.
Mzomhle:"Nizodibanisa nesa sonka bendinithengele sona nala Drink morc."
Utsho endinika ejonge apha kuthi eBacksit ndavuma ngokhawuleza bendingxamile ngenxa yokhala kwesusu,ndawugqibeka kudala kaloku uKFC bendivuya ndenzele mna noMakhulu satya evuya uMakhulu enendawo eziphangayo hayike waqalisa wamane ebetha into esingaziboniyo kule nyama uMzomhle wabe eqhuba wathi mandiyi gqume kuba ibisenza ingxaki ngoku ngoba ebesehluthi ibeseyimdika uMakhulu.Nxa sizofika eMonti ndiye ndam dirrecter uBhuti Mzomhle,sade safika sekuzotshona ilanga kamnandi abantu bebephandle noDabawo ndabe ndimbona ebehleli emthunzini wendlu yakwakhe notata wakwakhe .Undincedisile uMzomhle ngokhupha uMakhulu emotweni.Sangena kwi gate saya sisondela kubo aba babini uDabawo ebewakhuphe onke amehlo ubumbona ukuba wothukile,utata wapha usukume wabamba izandla,wakhwaza esithi makuziwe nezitulo.
Dabawo:"Kwehleni Bawo,Busi nibekwa yintoni apha."
Makhulu:"RHAAA! ndiphi napha?"
Utsho elaqalaqaza uMakhulu kubonakala ukuba uvukelwe kukugula.
Dabawo:"Ukwantombi yakho uThembisa."
Utsho encumile phofu engakhange aphakame asibambe nditsho izandla.
Makhulu:"uThembisa? ngubani lowo."
Dabawo:"Mxm! yemyeni'wam yindlalo le,uyandazi suzenzisa maan."
UBhuti Mzomhle ulungise umqala,uDabawo wajonga kuye.
Dabawo:"UNjani bhuti?lonto andikubonanga tuuu ndiphazanyiswa kubona into ebendingayilindelanga."
Mzomhle:"Siyaphila mama akhonto imbi ngaphandle nje kwale ndiyive ngoBusisiwe...-"
Dabawo:"Uve ntoni ngalo swine wehulekazi likanondindwa sesifebe esiligqwirha elifuze unina."
Uthe uTata wapha nxa ezothetha,kwavela wakhonjwa ngomnwe nguDabawo wathi"SHH!"wabe etshintshe aphe ebusweni uDabawo.
Mzomhle:"Xeim besingekho lapho,into ebendiyizele apha kukuxelela ukuba uMamakho uzungamkhangeli uzobe ekooGqirha sithethanje namhlanje oku,ukanti yena uBusisiwe uyohlala emzini wesinana sesityebi sindim sizomnika ubutyeni...-"
Usukume ngenyawo uDabawo enomsindo okwe Gqirha elingayivumiyo intwaso yalo,wakhupha iPhone kwi faskoti yakhe owayeyinxibile wayicofa ngokhawuleza.
Dabawo:"RHAAA! sisityebi sesinana esitheni eso,sona sizofumana intombi seyinamabele,ndifowunela amapolisa wena ngoku akholomsuuunu uzawukwenzeka apha,ude uzondixelela ingaba sewu winne ilotto."
Sijongene noMzomhle sajamelana.
.
SHARE!,COMMENT.
Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !