Chapter 11

Down
0

Ndidede umva, ingathi ungayibona intliziyo yam impumpa ngokukhawuleza. Ukuba uTata uvile, bendizazi ndingofileyo.
Tata:“Yintoni nandijamela, isitshixo sam asikho kum ndiyacinga kunoba ndisishiye apha?”
uMama uye wajonga apha ebhedini kuye, uTata ebesishiye ecaleni kwakhe uMama uye wasithatha.
Mama:“Nasi usishiye apha ecaleni kwam.”
Utsho wasinika mna ndayosinika uTata ngasemnyango.
Tata:“Hayi ndiyabona ndiyaguga ngoku, xa ndizoshiya isitshixo semoto ndithi ndizawuqhuba ngantoni.”
Utsho ephuma, sabe sisakhamisile noSis'Nakhane. Izibilini ebeziphezulu ziye zehla ndiye ndajonga uSis'Nakhane waphefumlela ezantsi ezibambe esifubeni umbona ukuba ebesothukile ndavala icango ndasondela kuye. Amazwi akhe andihlabile, kwaye soze ndiphinde ndiwalibale, kanti eloko ndenza impazamo uzomane endikhumbuza ngeziphoso zikaGlenda owalala noTata etshate naye ngongathi ndandikhona okanye babethunywe ndim. Inene kuthwa ungaze umthembe umntu uNakhane bendimazi njengomzali kodwa namhlanje undibonisile ukuba akasinguye uMama oyena Mama ngula Glenda okwesibini andilazi icala lika Glenda ukuba kwakutheni aze andilahlele izandla kwaye bendizidinga iimpendulo zakhe kuba bendinemibuzo emininzi ukuba kwakutheni kodwa bendingafuni ukuba buza uTata noNakhane ngongathi ndifuna ukuya kuGlenda kubo kuba bendisoyika into yokuba ingathi ndiyabalahla ngelixesha kuba ububabona abandifuni nakancinci ecaleni koGlenda lonto abayazi ukuba bendiziva njani ngayo yonke lento, uGlenda ndiyakudinga uthetha naye ndilile ndijongene naye kuba bendigcine okubi kodwa ngentliziyo yam ngaye kuba andikaliva elakhe icala into endiyivayo ngu
Nakhane ondithuka andifanise naye xa enomsindo lonto ibiyiphazamisa ingqondo yam kuba ibindenza ndibenengqondo ezimbini. Bendicinga kabini. Ebendijamele uNakhane, ndajonga phantsi ndisitya iinzipho zam.
Mama:“Uyabona eyona mpilo ondifake kuyo ngoku, ndilinyolonyolo ngenxa yakho funeka ndibe ndigcinene nemfihlo kuba ndizama ukhusela wena kule process. Khawundixelele ke mntaka Glenda ukuba yintoni ebangela ulala nendoda endala olwahlobo kunawe, ewe kaloku ungoka Glenda ngoku owam uNtando wabhubha mhla uqala ulala nalandoda ikumithisileyo.”
Ebendihlukumeza amazwi wakhe, eloko ethetha bendivele ndizive ndifuna ukhala ngoba uSomila lo angowakhe umosha mihla le.
Ntando:“Mama ndicela uxolo.”
Mama:“Ucela uxolo, ok ke mntanam ukuba ufuna uxolelwa ndim qale ukhuphe eso sisu ndzokuxolela.”
Ebetshintshe apha ebusweni, bendiqala umbona endikhohlakalele kanje kwaye bendingamazi ukuba kanti undizonda kanje kuba kucacile lonke elixesha ndimkhumbuza uGlenda owabasisiphazamiso emtshatweni wakhe ntonje ebezibekile okanye ebezenzisa ngongathi uyandithanda kuba ndithandwa
nguTata. Into eyokugqibela ebendingayifuni ngalamzuzu luchuku ngoko ke ndzawukwenza nayiphi na into athi mandiyenze.
Ntando:“Ndzazelaphi indawo zokhupha isisu mna.”
Mama:“Uzo zazi njengoba ukwazi nolala namadoda nje.”
Ebendixaka ngoku uMama, ndiye ndaphuma kwelogumbi ebekulo apha esibhedlele ndachopha esitulweni sokulindela. Ibindilamaza ngakumbi lento, ibingathi xa ndichophile indihlinza kakhulu ndives'ke ndasukuma ndaphuma ndama phandle ndabethwa ngumoya. Lonto bendiyeke nokumbiza Mama ngengqondo yam, kuba bekuya kucaca ukuba akasinguye uMama ngumfazi nje kaTata lantoba uzibonakalisile ukuba akandizali ngakumbi ngoku bendimdinga kakhulu. Baye bohlika uTata noSomila emotweni. Banyuka ngezitepusi ze buildinga le yesibhedlele.
Somila:“Kutheni wahlala phandle?”
Ndiye ndazincumisa.
Ntando:“Ndinukiselwa kakubi sisibhedlele, ndifuna ubethwa ngumoya.”
Baye bangena, ndahlala phandle ndabalinda ibingathi abaphumi bendingasafuni ube ndijongana noNakhane undixelele kwagcalwa indlebe iindaba zam caba kudala endicuphile. Baye baphuma.
Tata:“Awusafuni noyokuvalelisa kuMamakho Angel?”
Ntando:“Hayi ndikhumbula ekhaya mna, masigodukeni.”
Baye bajongana uTata noSomila ndabe ndibakholela ukuya emotweni, ndivule ndangena baye sebengena nabo waqhuba uTata sayindlela ebheka eDimbaza.
Tata:“Funeka kube clean endlini, uMama wenu afike kubetha umoya nikhe niqoqoshe nempahla zenu niyeke lento ingathi ningabantwana ma'an niyamsokolisa unkosikazi sinikhulisile ngoku nibadala bekumele senikwazi nozihlambela.”
uSomila ebehleka.
Somila:“Haha hayibo Taima.”
Tata:“Ewe kwedini ngumfazi wam lowa xa engacingelwa ndim uzocingelwa ngubani.”
Ntando:“Ubuya nini?”
Bendibuza ndingasemva ndisonge ingalo zam.
Tata:“Ngomso ndiyomthatha, nesifihlo sika Makhulu wenu sokuqhubeka kule veki siya elalini uyafihlwa.”
Ekhaya, sifike sohlika wabe uMandla énext-door esohlika kweyakhe nomntanakhe nomnye usisi ebethwele ikhetshimiya ombethe ne xakatho enxityisiwe kubonakala nakuthatha ukuba ngumtshakazi kuphume umntu onguMama omdalana wabe elungisa lomtshakazi ixakatho emagxeni efake ipurse ekhwapheni. uMandla undijonge nje wabe uTata ephakamisa isandla embulisa uye wavuma ngentloko uMandla. Ndabe ndijamile. uSomila uye wabethisa isandla emoyeni apha ngasebusweni kum.
Somila:“Hayibo ntwana yintoni ingathi ubone isiporho. Ndiphathise.”
Ndiye ndaqhwanyaza bendilibele, ndiye ndamphathisa caba basoso bathenga noTata ngoku bebeyothengela uMama ífruitsalad, ngoba ezi beziphuma ngemva emotweni. Siye sazingenisa endlini, sayozibeka kwi kitchen counter. Wandishiya ndiziqoqosha uSomila. Bendimane ndikroba ngefesitile le, ndimana ukuswayisa ícurtins ndijonga kwaMandla bendimcaphukela la Mandla. Ndiye ndaya ekamereni ndangqengqa ndiziva ingqondo yam ibingekho lapho bendilapha nje ngesiqu sam. Ngengomso, sivuke saya esikolweni noSomila. Sabuya sacoca indlu njengoko uTata ebesiyalele. Ndive ngokuduma kwemoto phandle ndisaqoqosha imiqamelo ezisofeni. Waphuma uSomila, ndashiyeka ndichopha ndicofa iPhone yam phezu kwesofa. Baye bangena, uMama epholile uTata wabe embambile.
Mama:“Hayi ndiyeke ndiphilile ngoku.”
Tata:“Isingathi bakukhuphe ungekaphili.”
Mama:“Ndiphilile ntonje ndigqibele kudala ukutya oku right, andinamandla.”
Uthe endijonga ndajonga iTv, ibindibukele ngokwayo phofu kuba bendiphosa nje amehlo kuyo. Baye baya ekamereni.
Somila:“Yintoni ingathi awunwabanga nje ntwana?”
Ndiye ndamjonga ndizenza obhidekileyo.
Ntando:“Hayibo ndonwabile kutheni wandibuza lonto.”
Somila:“Andazi kodwa usuke watshintsha kwezintsuku oko kwaya uMa olady esibhedlele usoloko uthule.”
Tata:“Angel uyabizwa ngu Mamakho.”
Utsho edlula élounge ephuma ngomnyango. Ndiye ndasukuma kulo sofa, ndaya ekamereni kuMama ndizibuza ukuba,"Iyawa yintoni nguloMama!” Bendithwele umlomo, kodwa ndingene ngozincumisa ekamereni.
Ntando:“Mma?”
Mama:“Yeke vala elo cango futhi ulitshixisisi kungangeni mntu.”
Ndiye ndenza ngokomyalelo wakhe, ndasongela kuye wabe echophe ngecala ebhedini ekhangela into endingayaziyo ebhegini yakhe, uye wakhupha ipilisi wayiqhaqha íplastic le yazo wazigalela zonke esandleni wathatha íglass ibinamanzi.
Mama:“Ina?”
Ndivele ndanovalo, ndoyika.
Ntando:“Zipilisi zothini ezi andiguli nje mna.”
Mama:“Ngubani othe uyagula, nawe uyasazi isono sakho okanye ufuna ubanomntana umncinci kangaka?”
Ndiye ndanyikina intloko sele ndizisongile ndisoyika bendinexhala.
Mama:“Thatha ke usele ezipilisi.”
Ndiye ndazithatha ne glass leyo, ndazilwantsha ndacimela ndiqwanyise íglass ndizigongqoza okugqiba ndamnika le glass ndizosula umlomo ndinyanyile bezikrakra zase zayenza yambi intliziyo yam.
Mama:“Hayi ma'an hambo beka le glass ékitchen.”
Ndiye ndaphuma nayo ndayoyibeka ékitchen, ndiye ndayochopha élounge. Ebusuku, besihleli sibukele iTv ndive ndixuxuzelelwa ngamathumbu ndasiva isisu sam silunywa kabuhlungu ndazibamba ndazicinezela ndicimele.
Tata:“Angel?”
Ndizive ingathi ndzawugabha ndakhonyuluka, ndibaleke ndaya étoilet babe beleqeka emva kwam uTata noMama apho ndifike ndagabha into engapheliyo enamahlwili ndikhala bendilunywa ndiye ndachopha ecaleni kwethobhi ndakhala ndizibambe esiswini usondele kum uTata egcwele usizi, uMama echasele.
Tata:“Nakhane! lomntana ugabha amahlilwi! yiza nezitshixo zemoto pha!”
Utsho endiphakamisa ndabe ndiphelelwe ngamandla ndikhamisile inyembezi zisihla, uTata ukhweze nam nge passage le yendlu eleqisa.
Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !