Chapter 12

Down
0

Kubuhlungu ukukhuliswa ngumzali ongakuzali ngoba awukwazi nokuphikisa funeka wamkele nasiphi isigqibo asithathayo ngempilo yakho. Nabazali bethu bayasifaka esononweni, ngoba ngoku bendifela iizono zika Glenda owabasisiphazamiso emtshatweni ka Nakhane. Inyembezi bezisihla, ndiginya amathe ngalomqala ubuhlungu ndisezandleni zika Tata. uNakhane uvule icango wabe uTata sele endifaka ngoko nangoko. Ubumbona uNakhane indlela ebeyiyo ukuba udikiwe kodwa uye wakhwela ngemva nam, intloko yam iphezu kwamathanga akhe ndilele ngomqolo endibambe esidleleni endijamele enyanyile ebusweni. uTata uqhube imoto, sifike esibhedleni uTata wangena nam endiphakamisele phezulu kweza iiNurse ne stretcher, zandilayisha zandibalekisa ngaso yabe ingu Tata yedwa ozixakekise ngam kuba ebeleqeka emva ko Nurse endijonge ebusweni umbona ukuba udandathekile akayazi ukuba kwenzeka ntoni ngam oyena mntu uyaziyo unobangela ebechasele. Ngu Nakhane ke lowo. Ndiqhwanyaze kwakabini, ndifakwe egumbini apho ndigqibele oGqirha bephezu kwam zacima izibane kum. Ndivuke, umzimba wam unzima ndiphefumla nzima. Xa ndijonga ecaleni kwam, kukho uTata ebambelele esinqeni equmbile umbona ukuba uyayazi ngoku inyani ukuba ndimithi. Ndiginye ingwiqi zehla inyembezi kuba bendizazi ngalamzuzu ndimphoxile uTata.

Ntando:“Uphi uMama?”

Tata:“Ntando kutheni usenza iizibhanxa zakho, ngubani lo ukukhulelisileyo?”

Kungene uNakhane noGqirha obefake into apha emqaleni ephethe ípen ne book.

Doctor:“Ubenethamsanqa umntana lo ammithileyo usindile kuyo yonke iingozi aphantse wahlangabezana nazo.”

Nakhane:“Kengoku Gqirha uzama usixelela ukuba eziipilisi azityileyo lo azenzanganto?”

Doctor:“Kona kuyacaca ukuba ebezama ukwenza íabortion kuba zi abortion pills ezi aziselileyo kodwa ngenxa yobuntwana caba akazifundanga kuba kukho ipilisi ekuthwa yiEU-048 efakwa ngaphantsi kusisi, yiyo unobangela wokuba abuyise ngomlomo kanti ukuba ebelandele imiyalelo yazo ngekhuphe ngaphantsi lilonke ngeyihambe kakuhle yonke lento ebezama ukuyenza.”

Nakhane:“Abantwana bayazenza izinto ezinobungozi, Ntando uyayibona ingxaki ophantse wazifaka kuyo?”

Bendimangekile uNakhane yonke lento ujika uyizisa kum ngongathi ndim ozithathele isigqibo kodwa nguye unobangela, ndizinikwe nguye ezipilisi.

Ntando:“Mama...” Ndithe ndisazama uthetha kodwa akandinika sithuba.

Nakhane:“Thula!!! wena vala lomlomo andifuni kwanto ephuma ngalomlomo wakho kuba kuyacaca ulintshontsho likasathana imenemens lebhedengu lomntana. Gqirha kuba umntana sesindile ngoku, hayike siyabulela abantwana bayasixaka bayazenzela ezi zinto uthi uhlala nomntana kanti uhleli nengonyama eyombethe ifele lwegusha.”

Bendingenawo amandla walengxaki andifaka kuyo uNakhane, lonto iyiphulile intliziyo yam inyembezi zehla ngakumbi ndikulo bhedi.

Tata:“Ntando awuzuyekwa apha uzithathephi ezipilisi uzityileyo?”

uNakhane uye wakhamisa wajonga kuTata umbona ukuba unexhala wase wamngxamela.

Nakhane:“Siyakudumisa myeke ngoku ndicing'uba sobuya siyilungise endlini, myekele kum ifuna umntu olibhinqa xa inje siphe nje isithuba noNtando ndithethe naye ngoku uyambona ukuba uyazisola umntana kwaye udinga umntu azothetha naye ngalomzuzu.”

Utsho embamba embonisa indlela ebheka emnyango. Uye wandijonga okugqiba wavuma ngentloko baphuma noTata, uMama wavala icango ezithendeni zabo okugqiba wasondela kum. Umqala wam ubuwomile.

Ntando:“Ndicela undi...undiphathele amanzi.”

Uye wandikhelela la ebesecaleni kwam nge glass okugqiba wafaka ístraw endiselisa ngokwakhe ugqiba kwakhe wawabeka.

Nakhane:“Utheni ufuna undichithela umtshato? soze ulunge ke mntanam unyoko waazama wohluleka. Uzulinge uyithi vuu eyokuba bendinesandla ekukhupheni kwakho isisu, into endilindele ukuba uyenze kukuba ubeyinkukhu esikwe umlomo uTatakho ndiyamazi uzobe ekupheka ngemibuzo kodwa igama lam ze lingabikho kwimpendulo zakho imnandi lento noMandla lo akukhulelisileyo uthe ukhuphe isisu uzutsho ke kuTatakho iipilisi zona uzothi uzithenge endleleni ukuba phi ke andazi nawe uzolibona icebo kuba umdala ngoku ungumfazi naku uzithelwe into endiyaziyo akekho umntana onomntana lonto ithi ke ungumzali. Uziva njani kodwa? kelonto iyandicaphukisa kele khange ndiyilindele dammit! uThixo unjani na ngoba bendifuna uyikhuphe lento ikuwe ngoku ingekakhuli. Uziva njani kodwa?”

Enyanisweni uNakhane uyakwazi uzenzisa, avele aphela emqaleni kum ndisukumisa nje umqolo ndizama uzilungisa indlela ebendingqengqe ngayo kuba bendicuphekile.

Ntando:“Ndi...ndi right.”

Uye wandijonga apha esiswini.

Nakhane:“Andazi ukuba sokwenza njani kuba kufuneka sicande mphini wumbi.”

Ndiye ndamjonga kwaye ndamjongisisa, kuba andisaqondi ukuba usathanda phofu ukuba wayekhe wandithanda ndixakiwe kwaye lonto ibindenza ndibenemibuzo ukuba uyandithanda na.

Ntando:“Mama?”

Nakhane:“Thetha ma'an sube undifekethele apha awusengomntana klk umntana wam mnye nankuya nguSomila uhleli kowabo kwaye uyandidinga, eli ayililo ixesha lemfeketho.”

Ntando:“Usandithanda?”

Ndimbuze lowo mbuzo ndihlinzekile.

Nakhane:“Ntando uyandiva ukuba ndithini phofu? Anditshongo kuwe ukuba eli ayililo ixesha lemfeketho?, sundifekethela ke nankuya uGlenda kwela Kapa upholile mna undimise ngenyawo kunzima nokuyofihla uMama ngenxa yakho ukuba ndandazile Thixo Oh! ngendingazange ndimthathe lomntana kunina.”

Bendizisola ngokumitha, ukumitha kwam kumtshintshile uNakhane. Ndijonge egumbini, ndalila ndicimele. Akubanga ngumzuzu kwangena uGqirha noTata.

Tata:“Kengoku uzohlala ixesha elingakanani apha?”

Doctor:“Ingalusuki, neveki kuxhomekeke kwiziphumo.”

Nakhane:“Kanti Gqirha ubungatsho ukuba uphilile lomntu.”

Doctor:“Ewe kunjalo kodwa funeka agqibe ítreatment elapha asifuni athi sele efikile ekhayeni kubekho izinto azivayo.”

Tata:“Ok, Nakhane ithini into ngubani lo undimoshele umntana?”

Nakhane:“UNtando usuke athi nguMandla.”

Tata:“Intoni?!? heh akandazi lomfo undibona ndihleka.”

Ndive kuvuleka amacango, xa ndityhila ngu Tata uphuma ngokukhawuleza. uNakhane washiyeka endijamela.

Nakhane:“Uyabona into oyenzileyo, bonda ke mfazi umqa wakho ndizihlambile ezam izandla.”

Uthe akugqiba utsho waphuma, ndiphinde ndazombathisa ndijonga edongeni kubuhlungu. uTata andiyazi into azoyenza kuMandla kodwa andimkhathalele nokuba umenze ntoni. Esibhedlele ndigcinwe iveki yonke, ndakhutshwa sele ndonele ibingathi ndihleli unyaka wonke ngoku iyiveki bekukubi. uTata nomfazi wakhe oko ndabagqibela ngelalanga, bephuma bethelwe imilomo bezele yimisindo.

Esibhedlele iNurse yondlule ibhedi ndabe ndingena kwa cent kum, bendixakiwe ukuba ndzawuthini.

Nurse:“Ikhona enye into oyidingayo?”

Ndiye ndanyikina intloko, uNurse:“Masiphume ke, ulinda apha ngaphandle umntu eligumbi lizosetyenziselwa omnye umntu ngoku.”

Ndiphume ndama ecaleni ndisonge iingalo zam zijinga íjersy yam, liye lahamba ixesha ndimane ndichopha esitulweni ndizibuza uTata noNakhane bebengayazi ukuba ndiyakhutshwa na namhlanje lonto ibindenza ixhala eloko kuhamba ixesha bendingafuni uyicinga into yokuba bandilahlele izandla kodwa intliziyo yam ibibuhlungu eloko ndigqithwa zii Nurse.

.

Incinci_kodwa_akufani_nokuvele_ndithi_cwaka.

Ndixakekile.

Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !