Chapter 19

Down
0

 Chapter19

Xa senza iimpazamo abantu bayatshintsha, endaweni yokuba babonisane nathi, abantu bayadikwa abakwazi sinyamezela. Ndiyayazi iziphoso zam zizo ezibangela ndibekule ngxaki ndikuyo namhlanje, kwaye andisoli nto. Kanye aba ubusithi ubathembile, uzixelela uba baligxalaba lakho lolilela kodwa izinto zisijikela kukubi basilahlela ngaphandle basikhuphe ebomini babo nto leyo singazange sayicinga lingekho nexesha lokuyicinga kuba usazi ukulunga kwabo noncumo lwabo nothando abakunika lona ukhubone?. Into endizifundise yona kukuba ndingathembi namnye kwaye mandiyeke unikeza intliziyo yam komnye umntu gqithi! kuba liyeza ixesha apho azondijikela, kuba umntu ufana notywala esiswini bona ubusela kubemnandi bufike bukujikele esiswini. Izinto ezinzeke ebomini bam, zindenze ndabhadla kweyona minyaka isezantsi. Ndichophe esofeni, kumzi woSobukhwe ubumkhulu ngeyona ndlela. Apha endlini bekukho uMam'Sobukhwe noTat'Sobukhwe. Amehlo abo ebekum, ndiginye ingwiqi íísuitcase ilapha ecaleni kwam.

Mam'Sobukhwe:“Umfuna xa uzomenzani uGlenda mntanandini?”

Bendine ntloni ndincanca ubhontsi. Bendingafuni uthetha ngoGlenda engekho.

Ntando:“Uxolo Mma ayikuba ndiyakuphoxa okanye enye into kodwa andizukwazi uthetha engekho uGlenda.”

Bajongana noTat'Sobukhwe, bendibabona ukuba badidekile.

Tat'Sobukhwe:“Mntanam bathi ungubani?”

Ntando:“Ndingu Ntando Tata.”

Tat'Sobukhwe:“Uzalwa ngubani ungowaphi?”

Ntando:“Ndizalwa ngu Siyakudumisa Sigcawu, bendihlala eDimbaza.”

Uqhwabe izandla uMam'Sobukhwe.

Mam'Sobukhwe:“Hayi inene”

Tat'Sobukhwe:“Siyamazi lo mntu uthetha ngaye, ibe kanti yintoni ekudibanisa noGlenda? phofu kutsho kwawena ukuba awuzukwazi uthetha engekho uGlenda. Solinda ke, nokuba usendleleni ebuyayo ngoku uGlenda. Mamtshawe khawutsho ku Salizwa enzele lomntana into yokutya.”

uMam'Sobukhwe uye wandijonga, wasukuma esiya ékitchen. uTat'Sobukhwe utyhile ibhayibhile, into endiyiqapheleyo ngalomzi abantu balapha bafundile kwaye bamhlonela uThixo kuba bekukho nezithombe edongeni besecaweni kwezinye benxibe izidanga-gratuation'gowns. Kuze uMam'Sobukhwe elandelwa ngumntu onguMama ekubonakala ukuba ngumncedisi walapha enxibe íapron ephethe ítray enokutya ufike wandinika íplate ene scones wandinekeza nesiselo. Ndatya. Emzuzwini, sele ndigqibe nokutya kungene umntu ongu sisi ephethe o’plastic ngokuqinisekileyo ngu Glenda ngoba ndikhumbula kakuhle ngelasuku ndimbaleka ndabe ndicing'uba ngumntu ofuna undixhwila.  Uthe sengena ngomdla ehambela phezulu, wothuka wawisa nezo plastic ebeziphethe wakhamisa. Uyise nonina bemjongile, wabe endithe ntsho ngamehlo.

Glenda:“Amomeleze?”

Bendingazi ukuba ndithini, uye wasondela efuna undanga ndasukuma sangana okugqiba wabuya umva sachopha sijongene endibambe ngazo zozibini.

Glenda:“Ubekwa yintoni apha?”

Ebesene nyembezi emahlweni akhe.

Ntando:“Ndi..ndigxothiwe.”

Glenda:“Usuka ngapha eMonti wedwa kengoku?”

Ndanqwala, wabe sendipeculula endijonga ukuba andonzakalanga na. 

Ntando:“Ndi right akhonto indehleleyo.”

Mam'Sobukhwe:“Glenda yintoni ekudibanisa nomntakwa Sigcawu?”

uGlenda ujonge uMam'Sobukhwe.

Glenda:“Ma...mama kunento endingazange ndinixelele yona.”

Ubabona uMam'Sobukhwe noTat'Sobukhwe ukuba babhidekile.

Mam'Sobukhwe:“Yintoni leyo?”

Glenda:“Ngela xesha bendise University eKapa, ndaye ndafumanisa ukuba ndikhululwe..-”

uMam'Sobukhwe uqhwabe iizandla.

Mam'Sobukhwe:“Inene inkulu lento, hambisa ndizindlebe ndonke.”

Glenda:“Ndafumanisa ukuba ndikhululwe, yabe inye indoda endandilala nayo kulaDecember ingu Siyakudumisa ela xesha eliya kwakucaca ukuba akonwabanga emtshatweni wakhe. Ndandisoyika Tata unixelela, wabe uSiyakudumisa ebuyele kumfazi wakhe. Xa ndimxelela ukuba ndzosikhupha isisu wathi uyamfuna umntwana wandicela, ndaye ndahlala esikolweni ndingasabuyi kuba kaloku uTata uyishumayela mihla le intoba funeka sibengumzekelo omhle enkonzweni kuba engumholi webandla nentoba umntu akalitsibi iziko engatshatanga lonto yahlala entliziyweni yam. Ndithe ndakuzala, ndamxelela uSiyakudumisa wandinika imali yetikiti ukuba sodibana eMonti, ndamsa kuye ke uAmomeleze ndaphindela eKapa kukrakra phakathi kwam noSiyakudumisa ngoba wayengafuni nento yokwenza nam.”

Uphinde waqhwaba iizandla uMam'Sobukhwe ekhuza.

Mam'Sobukhwe:“Ukuba awuthakathi uzazi wedwa! uhleli iminyaka uhleka nathi kanti ugcine into enkulu kangaka!”

Ebekhala uGlenda, ezivale amehlo ngazo zozibini.

Glenda:“Ndcela nindxolele...”

Tat'Sobukhwe:“Andikusoli nganto ntombam, ngamanye amaxesha siyazenza iimpazamo sizibone mva ukuba sonile. Akhomntu ugqibeleleyo, umntanakho sinyanzeleki ukuba simamkele nokuba imeko seyithini kuba kwahlalwa phantsi kwahlelwa, xa iyintando kaThixo asinako ukuyijika kuba izicwangciso zezethu ze izigqibo ibezezika Thixo. Ndiyathemba ufundile kwiimpazamo zakho.”

Glenda:“Ndiyathembisa Tata soze ndiphinde.”

Tat'Sobukhwe:“Thetha noThixo wakho, mna ndingumntu ndingakushiya nanini akuncedinto ukuba undoyike ube ungamhloniphi uThixo nesiqu sakho.”

Mam'Sobukhwe:“Nkosiyam ungandixeleli ukuba lomntana ukhuliswe nguZenande, uZenande ophantse wasichithela yonke into esiyisebenzele nzima nomyeni wam.”

uTat'Sobukhwe uye wandijonga.

Tat'Sobukhwe:“Ugxothweleni?”

Ndiginye ingwiqi, bendisoyika ubaxelela kodwa bendingenalo elinye icebo kuba nyani akhomntu unosuke agxothwe nje ibe ingekho into ayenzileyo. Ndiye ndabacacisela, ndatsho ngqo kundoqo nale yokumitha kwam ndimithiswa yindoda etshatileyo ntoleyo uTata angazange ayithande kwaye ndabaxelela uTata usejele ngenxa yam. Besendilila, ibingathi ndiyayibona intlungu uNakhane endimfake kuyo noTata kuba namhlanje kuphalele igazi ngenxa yokunga mameli kwam. uMandla ushiya umntanakhe uLuthando ngasemva, nqwa nalo ndimmithiyo lonto ibindihlukumeza. uGlenda ebendithuthuzela.

Mam'Sobukhwe:“Akhonto ndiyothukayo apho ukhuliswe ngunontyintyi onguZenande, tyhini ude akugxothe uzenza ngcono ngawe. uZenande owayexakali apha kule lali athi ekoLuvuno abe ekoMfundis'Mthanjiswa asilibelanga kaloku, kwaye mna ndingasoze ndimlibale.”

Tat'Saobukhwe:“Mamtshawe hayi..”

Uthethe ekhuza uMam'Sobukhwe.

Kwenzekile ke, izinto bezindihambela kakuhle nangona kunjalo bendithi ndakucinga ngoMandla ndikhale, ndimcing'okoko kuba ndikhululwe umntanakhe. Ndaye ndayohlala elokishini noGlenda, éflatini yakhe waye wandifumanela isikolo kwakhona. Saye sava silapha eGcuwa ukuba uTata uyandifuna kwaye ebeye elalini kwaSigcawu, kwabe kucaca akehlalanga ixesha elide ejele. uMam'Sobukhwe uthi wambhebhetha okomshologu. Iiveki zihambile, neenyanga. Ndazala, umntwanam ebehlala elalini kuMam'Sobukhwe. Kungoku nje ndina 15 years, ndifunda uGrd-9. Ndaye ndalizwa ngomntana oyinkwenkwe, ebeneminyaka emibini igama lakhe waliphiwa nguMama kuba ethi zange ebenalo ithuba londipha igama mna, wambiza ngo Khalima. Namhlanje bekunge weekend bendise dolophini, ndibambe uKhalima ngesandla. Ebebakum ngempela veki, ndiyomthatha elalini. Bendiphuma evenkileni, ndigilene nomntu ongu bhuti ndawelwa zizinto ebendiziphethe ndabe ndixolisa kuba bendijonge kuKhalima yiyo lonto ndiye ndamgila. Ndithe sendichola ezi zinto wandibamba isandla ndanyusa ubuso xa ndimjonga wabe endijonge ntsho. Inyembezi zehla ndikhamisile, wayendenza ndingalali ebusuku.

Ntando:“Mandla?”

Mandla:“Ntando?” Utsho sele ejonga uKhalima, wagoba ecaleni kwakhe.

Mandla:“Boy?”

.

#Unedited( Ndihambise iiminyaka kule Chapter, kuba ndifuna sisuke endaweni enye. )

Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !