Chapter 18

Down
0

 Chapter 18

“Hamb’uhambu uphume uphele emzinam!” Lamazwi ahlabe ahlule entliziyweni yam, bendingena cebo limbi. Bekusebusuku, kodwa umfazi kaTata ebendigxotha kwaye ebengabonakalisi sizi nam ndimonile kwaye ke bendisezintlungwini uTata ubulele oyena mntu ebesentliziyweni yam kungoku nje naye ubanjiwe. Ubanjelwe ukubulala, ngengqondo zobuntwana ndingayazi yena xa endithanda umbulala njani umntu endimthandayo. uNakhane ebesele ezibonakalisa ukuba akandizali, mhlawumbi nam ndizibonakalisile ukuba akandizali. Indlela izinto bezisenzeka ngakhona bezindenza ndiphelelwe ngamandla kuba bezingapha kwamandla wam. Kubekho ixesha apho, ubone ukuba ukungazi kufana nokungaboni ngoba bendingazi ukuba imfihlelo yam noMandla ingavela kwamsinya kanje. Ebeme ngasemnyango, endijonge ngamehlo abomvu wabe emanzi zinyembezi, ukumbona ekwasasimo ebekuso besindenza ndihlinzeke ngakumbi kuba sele kunje nje kungenxa yam kodwa bekumele ndithini kuba ndilawulwa yintliziyo uMandla ndimthanda ngaphezu kwazo zonke izidalwa eziphezu kwalomhlaba kaThixo. Ndosule inyembezi ndasukuma esofeni, ndathi xa ndizophuma uNakhane wandivatha ngempama kwathi ntii ezindlebeni zam ndagqodoloza sendithe geqe phandle ndajika ndamjonga ndingakholelwa ukuba ikwanguye lo undibethayo. Ndizibuza xa endibetha usandigxothelani kuba bendibhetelisa kwale yobethwa kunoba ndigxothwe.

Ntando:“Ndicela uxolo Mama, ndiyakucela Mama andisoze ndiphinde. Bendiqala ndigqebelisa ukumosha.”

Bendikhala ndiguqa ngedolo phantsi ndimncenga sekungathi ndithandaza uThixo. Undijonge nje wavala icango, ndasala ndikhala ndajika ndachopha ngempundu phantsi ndikhale ndonela sendiqikelela ukuba kusezinzulwini zobusuku. Ndabe ndisoyika ndinyeka-nyeka ndicinga nengozi ezingathi zindehlele apha ndacinga la chomie yam ndifike ndabanayo kule Dimbaza, uAmanda. Ndisukume ndaqoqosha impahla yam kakuhle, ndarhuqa ísuitcase yam rhuuu ndibheka égatíñí. Ndihlise unondyolo, ndijonge kuloAmanda indlela ebendisoyika ngayo bendisothuswa nayimithi le ibethwa ngumoya. Ndinkqonkqoze kulo Amanda, kwavula uMama ka Amanda.

MakaAmanda:“Ufuna ntoni ebusuku apha?”

Ndilungise umqala wam. Ndiqwalasela ngapha kwakhe ukuba ukhona na uAmanda.

Ntando:“Ukhona uAmanda”

Bendisiva ngoku ndixakiwe lantoba lo Mama ebesonqeneka.

MakaAmanda:“Hayi akakho, umfuna uzomenzani uAmanda ebusuku apha?”

Ndiye ndamjonge sendinentloni ndisitya amazipho.

Ntando:“Mma..Mma bendicela indawo yolala, ndiyakuthembisa ndzovuka ekuseni ndihambe.”

Ushwabanise isibunzi ebonakala ukuba udidekile, wajonge le suitcase bendiyirhuqa.

MakaAmanda:“Ngena, kodwa uzondixelela ukuba ubekwa yintoni ebusuku apha ngoba nina bantwana abakhoyo animameli niyabaxakekisa abazali benu.”

Uthethe evula icango ndangena, wavala ndabe ndichopha kwesisitulo singasemnyango kwabe kulayitwe isibane separafini. Uye wabopha kakuhle ígoun yakhe esiyakuchopha phezu kwebhedi.

“Uthi kwenzeke ntoni na mntanandini walapha lamaxesha?”-uMakaAmanda ubuzile endijongile, ndilungise umqala ndajonga esibaneni kuba bendinentloni zalento ndzayithetha.

Ntando:“Ndi..ndigxothiwe ekhaya.”

Uye wandijongisisa umbona ukuba akanelisekanga yile mpendulo yam.

MakaAmanda:“Ugxothwe xabe kuqale kwathini awunosuke ugxothwe nje kaloku kucacile ukuba ikhona lento uyenzileyo.”

Ndiqonde ukuba ayizondinceda nganto into yokuba ndibe ndimzulisela, kakade naye nentombi yakhe uAmanda banezabo izishiqi awunoyixela nale yokuba uphi uAmanda ebusuku kungoku nje bendiphakathi nentetha ndabe ndimxelela sele emane ekhuza wathi uzondinika imali ekuseni, ndikhwele ndiye kuloGlenda mhlawumbi yena uzondinceda kuba endizala. Waye wandinika iingubo esithi mandilale phantsi. Obo busuku, ndabuhlala kulo Amanda kuba zange ndibuthi qwenge ubuthongo ingqondo yam yayikude ngeengcinga ndizibuza ndzofika ndiyiqale ngaphi lento kulo Glenda. Ndivuke ekuseni, ndosula ubuso ndavusa uMakaAmanda kuba ebesarhona kaloku ebendithembisile ngemali.

MakaAmanda:“Sowuhamba na ntombi, lonto kuse msinya ngoku besisandoncokola yangathi yinto yomzuzu.”

Uthethe efaka ingalo yakhe phantsi komqamelo wabuya nesixa semali, okugqiba wandikhethela iR100, bendibulela kwaleyo.

Ntando:“Enkosi Mma, ndiyahamba kengoku.”

MakaAmanda:“Uhambe kakuhle mntanam.”

Ntando:“Enkosi.” Ndiphume ngomnyango ne suitcase yam, endleleni ndimisa eziya edolophini. Edolophini ndabuzisa ezibheka eGcuwa, ndaya kuzo ndakhwela. Ibingathi uzofika uNakhane athi buya mntanam, kodwa elo ibiphupha nje kuba ndifike eGcuwa ndingayikholelwa ukuba ndimkile kangangoba ndingayikholelwa nangoku ukuba ndohlukene noNakhane. Ndikhwele eya elalini, labe ithumbu likhala kodwa ibingekho imali yokuthenga ukutya. Bendikhwele kwivan sabe siminxisekile ziimpahla zabantu sijongene kule van bendihleli kabuhlungu kwaye ndingayiqhelanga lentlalo abantu bakhona babe bezidwadla iindaba, bambi bemane bendijonga ndiyaqonda bebezibuza ukuba ngumntana kabani lo bendijonge iPhone yam yabe ingena airtime kungekho nomyalezo imbala. Omnye uMama undirhwece ethangeni, ndamjonga.

“Ungumntaka bani na ntombi lento ndiqala nokubona?”-Bekubuza loMama.

“Kelonto ndiyamfanisa.”-Kutsho omnye, ndazincumisa.

Ntando:“Ndingumntaka Siyakudumisa Mma.”

Baye bajongana, ubabona ukuba banemibuzo.

“Lo wakwaSigcawu?”

Ntando:“Ewe Mma.”

“Tshini watsho wafana pha.”-Utshilo loMama.

“Nelabala lapha lilubhelu, lonto bahle abantu bapha.”-Bekusitsho omnye.

Besebethetha lonto ke kuleMoto, bendinendawo ezidikiweyo kodwa ndangazibonakalisi eyonanto ibisengqondweni yam kukuba ndzawuthini kwaba kwaSobukhwe. Ndohlike esitophini, ndarhuqa ísuitcase yam ndinyusa indlela. Ndime ngase gatíñí, ndakhwaza kuba bekukho izinja kulomzi kwaye ubumkhulu ufana nalawa wakulo Tata. Kuphume umntu onguTamkhulu, wazoma ngapha kwayo.

Tamkhul'Sobukhwe:“Molo?”

Ntando:“Ewe ke Tamkhulu, bendicela ubuza kukulo Glenda apha?”

Bendizibuzisa kuba bendikwazi kaloku ndandisendivile ukuba uGlenda ngowakwa Sobukhwe ndabe ndiyazi le family nangona besingakhe sihlale nje elalini kodwa le ífamily ubungenongayazi kuba uTata walapha urhola ibandla elikhulu. Ndava ke ngoNakhane isizatho sokuba uGlenda andilahle kukuba wamitha eseyintombi lonto kowabo umntu oyintombi akavumelekanga ukuba alale nendoda engekatshati, ukumitha kwakhe isisu sakhe sakhula ese university ekapa wazalela khona wasa mna kuTata eMonti eze nge Aeroplane waphindela khona injalo kukhangeleka ukuba wayengafuni nakancinci ukuba yaziwe kowabo ukuba ukhulelwe. 

Tamkhul'Sobukhwe:“Ewe.” Uvume ingathi ikhona into angayiqondiyo ngam.

Ntando:“Ndifuna yena Tamkhulu.”

Tamkhul'Sobukhwe:“Akakho ngoku mntanam.”

Ndivele ndaphelelwa ngamandla ndixakiwe, ndinendawo ezifuna ulila. Wandijongisisa loTamkhulu.

“Ubuzomthini uGlenda?”-Ubuzile lo Tamkhulu.

Ndamjonga ndingaqinisekanga ukuba ndimxelele kuba bendifuna ibenguGlenda obaxelelayo ukuba kuyenzeka.

Ntando:“Tamkhulu ndicela umfowunele.”

Tamkhul'Sobukhwe:“Heh khawungene, ingathi lento yakho izobande.”

Uvule ígate ndangena, ne suitcase yam wavala wakhokela esiya endlini, sinyuse izitepusi zevrandi. Endlini, bekukho umntu ongu Mama. Bendiqinisekile ngulo kuthwa ngu Mam’Sobukhwe efake ezamehlo wandijonga ngapha kwazo ngoku ndingenayo.

Mam'Sobukhwe:“Ngubani kengoku lo wangena nemigodlo?”

Tamkhul'Sobukhwe:“Lo mntana uthi ufuna uGlenda kwaye kukhangeleka emxakekele.”

.

Zthandwa zam, ndiyayazi ndisoloko ndicula iculo elinye lokuba ndixakekile kodwa ndiyazama kangangoku ukuba ndivele nokuba kungonwele kuba ndinithanda.

Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !