INSERT 47 & 48

Down
1

Saqhubeleka sancokola bekumandi shame abazali baka Anele bebenobubele obungumangaliso.
Maka-anele: khophakame undenzele itea ndibone uba uzolunga na pha emtata
Ndaphakama wandiwa ngamehlo uAnele ugqiba wancumela ecaleni
Me: ikofu or rooibos ma
Anele: menzele rooibos bbe utata yena umenzele kofu mna funa irooibos
Me: uqale nini uphunga ngoku
Kwahlekwa endlini nguwo wonke umntu ndanentloni
Tatakhe:nyana ingathi apha uze nomntu ofana qwa nonyoko hey
Anele: uchanile tata banje ngophendula
Yho kuhlekwe
Mamakhe; ntando yeka lotea mntanam chin basile ngoku
Nam ndayiyeka ndayohlala phatsi ndancancisa uboy gqiba ndamtshintsha.kwangena buhle ehamba no bonga
Buhle: hayi uNtando uyithathile indawo yam chin andihoywanga MNA
Anele: chin yeka ubbe ntoni umona
Buhle: eshe yho mandincame
Mamakhe: izohlala apha caleni kwam sincokole sisi
Nam ndasondela ndahlala ecaleni kwakhe ewe ebencokola yena but bendinento emoyikayo
Mamakhe: uphi mama wakho
Me: ukhona endlini
Mamakhe: so nguye umntu omane ekuncenda emntaneni
Me: ewe ma
Mamakhe: kuhle ukubona oko egxola ngawe uanele noboy
Ndancuma nje bendingayazi ukuba mandithini.gqi Anele sendibamba ngasemva ndumjonge andincamise on my chick yhu intloni bezidiphethe
Anele: haike wena bbe ngentloni
Mamakhe: uyancenda intloni ziyamakha umntu
Anele: haike wena mama
Ndaphakama ndayoncedisa ubuhle ekitchen epheka
Buhle: ubonile ke ukuba banjani abazali bam
Me: ba nice bayancokola noko aboyikeki
Buhle: worse bakuthandile shame wena uzobangumakoti
Me: hayi andikafuni utshata srmncinci mna
Kanti anele umamele angene sehamba no bonga
Anele: uzade ubemdala xa ungakanani ntando
Me: besingathethi nawe
Buhle: mxelele
Anele: umdala ngoku kanti awufuni uhlala nam no boy
Bonga: haibo ingathi userious ntwanayam nje
Bendi lost kuba beserious nyani khange ndimphendule vele ndalungisa izitya saphaka nobuhle
Buhle: khaniyeni kwelacala sozisa ukutya
Baphuma bingu bonga yedwa oncokolayo lo ungu Anele ebethule.sasa ukutya kwatyiwa oko ethule Anele kwasuka kwakhala uboy xa ndiyomthatha wakhawuleza wamthatha ndathula ndahlala phantsi hayi akathuli uboy
Me: msapha noba ulambile
Anele: ndizamtyisa nam
Mxm ndamyeka ndayohlba izitya ndagqiba
Me: ma siyagoduka ngoku
Mamakhe: nyani kode kubemnyama kodwa cela umzise gomso ekuseni kukho apho soya khona ucele kumama wakho
Me: okay ma
Ndafaka into zika Lelo ebhegina ndabeleka nge hash lakhe
Tatakhe:kulungile kentombi uhambe kakuhle
Me: OK tata
Mamakhe: khapha ntando wena Anele wazinza ehamba
Me: noko kukufitshane ekhaya
Mamakhe: makakukhaphe kodwa
Waphakama sahamba oko ethule nam khange ndibe ndimbuza ukuba ntoni igxaki
Anele: ukhona omnye umntu osamjongileyo ngaphandle kwam
Me:hayi
Anele: then why ungafuni utshata nam ngoku
Me: haibo khange undicele
Anele: ewe ndiyazi but intetho zakho ziyadixaka
Me: nguwe umntu ondixakayo
Anele: cela sithethe gomso
Khange alinde pendulo vele wemka khange ndimhoye ndagena endlini n fike sekutyiwa
Tata: ntoni ehambisa umntana ebusuku
Andamphendula kuba beyazi ukuba velaphi le andibuza yona andiyazi
Tata: funeka gomso uyovula ezantsi
Me:phi ezantsi
Mbali: utata uthenge into zaseShop uthi kothengisa wena
Ndanjonga kutata
Tata: akhonto uyenzayo awufundi nofunda
Yhu ndaphakama ndangena kamerenu ndalili shame noba utata undizondela ntoni kangaka ndizobe Hlelo nomtana eshop kubanda mna mxm ndalala ndavuka ekuseni ndahlamba MNA nomntana wam sayothengisela oko efouna Anele bendigamhoyi noba pha ngo4 walila uboy ndibanga mnika ibele engalifuni kwade kwabetha u6 ndaya endlini esalila
Mama: utheni
Me: oko elila
Wamthatha
Mama: utheni ungatshongo early yabona liyatshona ifokotho lakhe
Me: bendingayazi kalol
Wahamba naye andiyaz noba bayeph oko newarry yosana lwam
Tags

Post a Comment

1Comments

  1. Oko ke ndibambe amazinyo but ndiphi ndizixolise ngokuba ukhona uThulani if things don't work out for you guys. Am so proud of the both of you, you are soo matured

    ReplyDelete
Post a Comment

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !