INSERT 52

Down
0

Wangena umama wasiqanda wathatha ulelo
Mama: ayikho le niyenzayo bathini abantu yilegxolo niyenzayo
Tata: makaphume
Mama: aphume ayephi hayi akuba ndithi u ntando iryt into ayenzileyo kodwa uthi makayephi
Wahlala phantsi utata nam ndabuyela kamereni yam ndayolala bendinomsindo ukuba utata xa ade andigxothe kucacile akandifuni kwakhe.kwangena umbali ezise ulelo no alwaba
Mbali: uthi umama batyise
Me: iza nokutya kwabo
Nyani umama wamnika weza nako ndabatyisa ugqiba ndabahlamba balala wapheka umama wagqiba
Mama: ntando khophume kulo kamere uyeke ukwenza mikhuba uzivalele
Ndaphuma ndahlala esofeni ndajamela TV wahambisa ukutya kwatyiwa ndaphakama ndahlamba izitya wayolala utata
Mama: ntando le uyenzayo into ngoku ayikho ryt kwayw kudala kuthethelela okokuqala ndakuzisa ekapa utatakho engafuni wandiphoxa wamitha uyabona ngoku uthukana nam ingathi yonke lento uyenzayo uthunywa ndim
Me: uxolo mama
Mama: uxolo kudala ulicela kodwa uphinde wone uyabona ngoku waphinde wenza into uyazi uzozimela kwaye ndiyakukhupha entliziyweni yam
Yho wathetha kabuhlungu lomfazi she had tears in her eyes bendingakwazi nomjonga
Mama: uyazi umntana wam noba wenzani imfundo ibalulekile le wena udlala ngayo
Waphakama wayolala wandishiya apho .
If phinde ndona I'll be all alone akhomntu zandithethela yonke into was all up to me ngoku.ndaya eroomin yam wabe Lelo elele ndafounela Anele
Anele: my bbe
Me: sowulele
Anele: no gqibo hlamba wena
Me: ndiyalala ngoku
Ndathula andathetha
Anele: love
Me: ea
Anele: uryt
Me: ewe
Anele: no you not okay bbe ndiyakwazi kaloku thetha nam lastborn
Me: cela kubona gomso ungena eyiphi shift
Anele: u3 bbe
Me: zoza ngo12
Anele: okay plz uze
Me: okay bye
Anele: ndiyakuthanda
Me: love you too
Ndadropha foun yam ndavuka ekuseni ndayovula leshop katata ngo11 ndavala ndayohlamba sana lwam saya kwa Anele fike esitya ndamxelela ukuba kwenzekeni ekhaya izolo
Anele: haibo utata wakho unjani bbe kanti
Me: funeka hlale ekhaya until balibale kancinci
Anele: haibo bbe ndingakuboni njani
Me: nyamezela bbe
Anele; ngcono uzohlala nam qha
Yhu uhlalisa bendingakufuni shame bendingazukwazi uhlala naye
Me; andinokwazi bbe
Anele; yintoni owude uyifune kanti
Me: ndivumile ukutshata nje
Waphakama wavula suit case kungene ubonga esabhuqa into endingayaziyo ebhegini abuye ephethe box waguqa ngendolowo
Anele; ntando will you marry me
Bonga: yho mfethu kwenzekani
Ndalaqaza bengazi noba ndise omphi umnwe
Bonga; say yes ntando udiniwe ace kuguqa
Me: yea bbe I will marry you
Ndasa zoyi2 izandla wazikhethela uba afake kwesiphi
We kissed
Bonga,: kukho nam guys stop it
Anele; ufunani wena apha
Wasipha hug ubonga
Bonga: congrats mfethu
Yaphuma ibaleka lanto bityiwa lulwimi m sure
Sahlala phatsi I kept looking on my finger
Anele_: iyakufanela
Me: intle bbe
Anele; now ungazohlala nam
Me:it's soon bbe we are engage to be married we not married yet
Anele: but sotshata nje bbe
Me: to my parents ungekandi loboli asikatshati
Anele: why you being so difficult
Me:ugxamelephi kangaka let's just keep it down myb for two weeks then uzandibona oko
Nyani ke ring bingathethi not ntu kwaye ugxama oku kwakhe kusuke kwandoyikisa
Anele:it's fine
Waphakama wanxiba into zomsebenzi nam ndabeleka uboy sahamba mandiphum emnyango wandikhwaza
Anele: ntando
Me:ungaze uyikhuphe loring noba kwenzekani
Me: okay
Anele: promise me
Me: I promise
Anele:okay I love you
Me: I love you too
Sahamba ndafikisana no mbali endlini ndamenzela into yotya
Mbali: khothi bone
Me: ntoni
Mbali; iringi uzobangumfazi wena
Me: hayi ndihombisile qha awuboni yilena icheap kwaTsidi le
Mbali: oh
Yhu endingasoze ndumxelele uzayisa kumama sana wagqiba utya sabuyela eshop sathengisa kufoune thulani
Me: hi
Thulani: congrats gal
Me: heee
Thulani: I know love n happy for you
Me: uve ngabani
Thulani: bonga
Me: uyaphapha
Thulani: caba bungafunu ndazi
Me: no it's not tht
Thulani: it's fine love konwabele
Me: thanks
Wadropha founi yakhe engatshongo noba bye but khange hoye yonke lanto mna. Kwalate savala eshop saya endlini xa ndingena ndakhupha ring ndayifaka pokothweni hayi bendingafuni bayibone I'll just wait for the ryt time to tell them.......,.!
Tags

Post a Comment

0Comments

Post a Comment (0)

#buttons=(Accept !) #days=(20)

Our website uses cookies to enhance your experience. Check Now
Accept !